1. Nge-17 Apreli 2008 ibiyiminyaka engama-350 ngqo ukusukela oko kwathi kwaqalwa isikolo sokuqala ngokusesikweni (first formal school) kwiphondo leKoloni. Ngo-1658, kwaqaliswa isikolo esincinane kwiNdawo yokuGcina amaKhoboka (Slave Lodge) esasenzelwe amakhoboka e-DEIC nabantwana bawo. Kwaye ke ngoko kwaqingqitha iminyaka emininzi, amakhoboka ingabona bantwana bafundiswe bhetele imfundo yasesikolweni kwelaseKoloni!
2. Kwiminyaka emininzi emva koko, ngo-1839, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lasekwa njenge-Department of Public Education of the Cape Colony of Good Hope. Ngaloo mihla lwalungekabikho uCalu-calulo (Apartheid), yaye eli sebe lalijongene neemfuno zazo zonke izikolo: abamnyama, abamhlophe, abebala nabaneemfuno ezizodwa zemfundo.
3. Izikolo zethu zinembali eliqhayiya yemfundo kuluntu lwazo, kwaye uninzi lwazo seluzibhiyozele izikhumbuzo zazo zokugqiba iminyaka eli-100 okanye engama-75.
4. I-Education Museum ese-Centre for Conservation Education eWynberg inomdla kwiimbali zazo zonke izikolo. Ezinye zezi zikolo zinembali yazo egcinwe ezifayilini ukuze ibe nokusetyenziswa ngabenzi bophando. Nakuba kunjalo, izikolo ezininzi azenzanga mbali kwaye oku asilotyala leMyuziyam. Kodwa ke ngoku, iMyuziyam inqwenela ukwenza iinzame zokwenene zokuqokelela iimbali ezibhaliweyo zazo zonke izikolo ezininzi zaseNtshona Koloni, kuqalwa kwezona zidala kakhulu.
5. Kwimeko yezikolo ezinama-75 eminyaka zikho okanye ezidala kunoko (o.k.t. ezasekwa ngonyaka okanye phambi kowe-1934), makuzaliswe le Fom yeSaveyi iqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) ize ibuyiselwe kulo:

Ms Sigi Howes (Head)
Education Museum
Centre for Conservation Education
9 Aliwal Road
Wynberg
7800


6. Makuqhotyoshelwe ikopi yembali ebhaliweyo yesikolo, ifoto yesikolo, ingoma yesikolo, imotho yesikolo nebheji elilaphu ethathwe kwibleyiza ukuba iyafumaneka. Oku kunika isiseko esisiso sefayili nganye yee-akhayivu zeMyuziyam ngesikolo. Naziphi na ezinye izinto zinokuziswa ngokuzithandela kodwa zamkelekile.
7. Lo vimba wolwazi uya kunceda i-Education Museum ekwenzeni iziko ledatha yezona zikolo zidala kakhulu eNtshona Koloni, noya kunceda kwakhona uphando lwexesha elizayo ngezikolo ezo.
8. Kwimeko yezikolo ezimbali yazo ingazange yabhalwa, oku makuboniswe kwikhweshine. Izikolo ezinjalo zingancediswa (zakwenza isicelo) malunga nokuba igcinwa njani irekhodi engundoqo yembali yazo.
9. Sinethemba lokuba ekugqibeleni zonke izikolo ezasekwa emva kowe-1934, ziya kubandakanywa nazo.
10. Okweli thuba, funda isiHlomelo B nesiHlomelo C malunga noKhuphiswano ngeMbali yeZikolo eyiNkcubeko eliLifa lethu (Schools' Heritage Competition), apho izikolo zinokuwina khona amabhaso ngokubhala imbali yazo. Olu khuphiswano luvuleleke kuzo zonke izikolo ezimbali yazo ingazange ibhalwe kunye/okanye ipapashwe kwixesha elidlulileyo, yaye luya kubanjwa qho ngonyaka.
11. Isaziso sangaphambili sale ngcaciso imfutshane sasivele kwiphetshana leendaba leli Ziko eliphuma ngekota i-EnviroNews 1/2008, 2/2008, 1/2009 nakuluhlu lwezikolo ezithunyelelwa imbalelwano nge-imeyili (e-Schools' mailing list). Izikolo ezaphendulayo kuloo manqaku amaphetshana eendaba neseziyizalisile iFom yeSaveyi (isiHlomelo A), akukho mfuneko yokuba zenjenjalo kwakhona. Siwuthakazelele kakhulu umdla nentsebenziswano yazo.


ISAYINWE: NGU-LJ ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:31

Isihlomelo A: ISaveyi yezona Zikolo ziDala eNtshona Koloni  (ubukhulu: 17 KB)
Isihlomelo B: iSikolo ngasinye siBalulekile - UKhuphiswano ngeMbali yeZikolo eyiNkcubeko eliLifa lethu ngo-2009
(ubukhulu: 33 KB)
Isihlomelo C: IFom yokuNgenela uKhuphiswano ngeMbali yeZikolo eliLifa lethu  (ubukhulu: 17 KB)