1. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba abafundi bagcinwa bexakekile ngendlela enenzuzo, luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yesikolo yaso ngethuba leemviwo zokuphela konyaka, kwakunye nangethuba elisemva koko neliphela ngosuku lokugqibela lwabafundi nge-11 Disemba 2009. Kubalulekile ke ngoko ukuba zonke izikolo zithobele yaye zilandele ngqo oku kulandelayo:
1.1 Izikolo mazicwangcise ngalunye uviwo lwazo lwangaphakathi ngendlela eya kwenza ukuba bonke abafundi ababhalayo bagqibe ngo-13:00 ubuncinane. Usuku lwesikolo, ngethuba leemviwo zokuphela konyaka, malungapheli ngaphambi kuka-13:00 kubafundi.
1.2 Abafundi beBakala 9 abaza kuba bebhala ii-CTA zikazwelonke kufuneka bagcinwe bexakekile ngokuthi kuqhutyekwe nokubanika inkxaso ngokubafundisa, kuhlolwe yaye kujongisiswe kwakhona umsebenzi wabo (review and reflection) emva kokuphela kwemisebenzi yovavanyo kazwelonke nge-30 Novemba 2009. Kukwalindeleke ukuba abafundi beBakala 9 bahlale esikolweni de kube yeye-13:00 kwiintsuku apho ukubhalwa kwee-CTA kuphela ngo-11:00.
1.3 Izikolo maziqinisekise ukuba bonke abafundi bayaya esikolweni ngazo zonke iintsuku, nokuba ngaba abazi kubhala iimviwo okanye ii-CTA.
2. Izikolo ezifundisa amaBakala 10 no-11 mazizilungiselele iithayimthebhile zazo ukwenzela ukuba iimviwo zazo zingaqali ngaphambi koLwesine, we-12 Novemba 2009. Izikolo ezifundisa izifundo ezinamacandelo epraktikhali zingaqalisa ngeemviwo zazo zepraktikhali ngoMvulo, we-9 Novemba.
3. Kulindeleke ukuba bonke ootitshala babekho usuku lonke lwesikolo yonke imihla ngeli thuba, kungakhathaliseki nokuba ngaba benza imisebenzi yokugada abaviwa okanye akunjalo. Ootitshala abaza kumakisha iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) akuvumelekanga ukuba baye kumakisha phambi kokuba bagqibe wonke umsebenzi wabo wokumakisha iimviwo zangaphakathi esikolweni nemisebenzi yolawulo yokuphela konyaka esikolweni. ICandelo loLawulo lweeMviwo leSebe iWCED liya kwazisa iinqununu kungekudala ngemihla yokuqaliswa kokumakishwa kwamaphepha oviwo lweNSC. Qaphela ukuba ukumakishwa kwamaphepha oviwo lweNSC akuyi kuqala ngaxeshanye. Ukumakishwa kwamaphepha anabaviwa abaninzi kuqala ngaphambilana kunokumakishwa kwamaphepha anabaviwa abambalwa.
4. Iiprofayili zabafundi neephothifoliyo mazifumaneke ukulungiselela ukumodareyitha nokudlulela phambili kwabafundi (moderation and progression) ngokwemihla ekugqitywe kuyo zizithili zemfundo.
5. Ziyacelwa zonke izikolo ukuba zingenise iithayimthebhile zeemviwo zazo kubaphathi beekomiti zeesekethe ungadlulanga owe-7 Novemba 2009.
6. Xa zonke izikolo zibakhulula abafundi bazo ngo-13:00 ukuba bagoduke, akufanelekanga ukuba kuchaphazeleke amalungiselelo okuthuthwa kwabafundi.


ISAYINWE: NGU-LJ ROSE
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:10:16