1. Ingcaciso yokwandlalela

Ngokwemigqaliselo yoMthetho woFakelo lweZilungiso kwiMithetho yeMfundo (uMthetho 50 wowe-2002), (Education Laws Amendment Act (Act 50 of 2002) luxanduva lwenqununu yesikolo ukulungisa nokungenisa ingxelo yonyaka kwiNtloko yeSebe leMfundo (Head of Department) (HOD) emalunga:

  • nenkqubo kwizifundo yesikolo ngokunxulumene neziphumo ezingowona mlinganiselo osezantsi nemigangatho emiselwe nguMphathiswa weMfundo kazwelonke, kunye;
  • nokusetyenziswa ngokukuko kwezibonelelo.

Le ngxelo yonyaka mayandlalwe kwintlanganiso yebhunga lolawulo lesikolo yandule ukungeniswa kwi-HOD, emsebenzi wayo ukukuyivuma okanye iyibuyisele kwisikolo eso, ihamba kunye neengcebiso ezinikiweyo (recommendations), ukuba oko kuyimfuneko.

Ufakelo lwezilungiso kwiSiqendu 20 soMthetho weZikolo waseMzantsi (SASA) (uMthetho 84 ka-1996) (South African Schools Act) (SASA) (Act 84 of 1996) lufuna ukuba abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo bathobele nawaphi na amanyathelo athathwa yi-HOD okulungisa ukungakwazi kwenqununu okanye kukatitshala ukwenza umsebenzi wakhe ngempumelelo.

Izongezelelo kwiSASA (iZiqendu 58B no-58C) zifuna kwakhona ukuba i-HOD iqaphele izikolo eziqhuba kakubi qho ngonyaka ize inike isaziso esibhaliweyo ezo zikolo zilolu hlobo. Injongo yesi saziso, ke ngoko, kukuba kuphunyezwe iimfuno ezingummiselo zeSASA.

2. Emva kokunika ingqwalaselo efanelekileyo iziphumo zezifundo zeBakala 3 kunye/okanye zeBakala 6 zonyaka zethuba eliqalela ku-2006 ukuya ku-2008, i-HOD iqaphele ukuba izikolo ezithile ziye kumaxesha athile zafumana iziphumo ezingaphantsi kwe-50%. Izikolo ezilolu hlobo zithathwa njengezikolo eziqhube kakubi.
2.1
2.2 Iziphumo zezikolo eziziiprayimari ezingafumananga iziphumo ezingaphezu kwe-50% ngethuba eliqalela ku-2006 ukuya ku-2008, zaye zathunyelwa nge-CEMIS phantsi kwe-sihloko esithi Assessment - School Performance. Ukuba akukho rekhodi yaziphumo zivelayo zesikolo sakho, oko kuthetha ukuba isikolo sakho sifumene iziphumo ezingaphezu kwe-50% ngeli thuba.
3. Malunga neziphumo zesikolo sakho zoLwazi lokuFunda nokuBhala nezoLwazi lokuBala, kucelwa ufunde ileta enxulumene noku kwi CEMIS.


ISAYINWE: NGU-LJ ROSE
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:10:09

Education Laws Amendment Act, 2002 (Act 50 of 2002)  (ubukhulu: 779 KB)
South African Schools Act (SASA) (Act 84 of 1996)  (ubukhulu: 86 KB)