1. Kucetyiswa ukuba unyulo lwebhunga elimele abafundi (representative council of learners (RCL)) ngo-2009-2010 luqhutywe ukususela kwi-1 Novemba 2009 kuye kwi-28 Februwari 2010 ukwenzela ukuqinisekisa ukusebenza kwee-RCL kwamsinyane.
1.1 Uqeqesho lwee-RCL ezisandula kunyulwa luya kuqala ngoMatshi 2010. Izikolo eziqhuba unyulo lwee-RCL emva kwe-28 Februwari 2010 azisayi kuba sezilulungele uqeqesho.
1.2 Onke amaxwebhu azizikhokelo e-RCL afumaneka kwi-RCL Reference File 2008. Asizizo zonke izikolo eseziyifumene le fayili. Izikolo ezingenayo le fayili maziqhagamshelane ngokukhawuleza noMnu Ryan Erasmus ngale nombolo yefoni 021 467 2560.
2. Ziyacelwa izikolo ukuba zizalise ifom eqhotyoshelweyo iSihlomelo A ziyingenise kubaphathi beze-IMG bazo ungadlulanga owe-22 Septemba 2009. Ootitshala abangama-gosa oqhagamshelwano (teacher liaison officers) abamagama abo angeniswayo baya kunikwa uqeqesho oluya kubanceda ekubekeni esweni unyulo lwee-RCL.
3. Apha ngezantsi luludwe lweentloko ze-IMG ezikwii-ofisi zezithili zemfundo, izikolo ezinokuqhagamshelana nazo ukuba zinemibuzo:

Metro South Mr Rachart Job Ifoni 021 370 2000
Metro Central Mr Jacobus Petersen Ifoni 021 659 4300
Metro East Mr Zamumuzi Chonco Ifoni 021 900 7000
Metro North Mr Henry Botha Ifoni 021 938 3000
West Coast Mr Freddie Claasen Ifoni 021 860 1200
Cape Winelands Mr Johan Van Tonder Ifoni 023 348 4600
Overberg Mr Japie Bailey Ifoni 021 859 5765
Eden & Central Karoo Mr Eric Magodla Ifoni 044 803 8302
4. Ootitshala abangamagosa oqhagamshelwano banoxanduva lokwenza onke amalungiselelo onyulo lwee-RCL (funda kwiphepha A-1 le-RCL Reference File). Izikolo ezinemibuzo ziyakhuthazwa ukuba ziqhagamshelane nabacebisi ngeze-IMG bazo.
5. Izinto zokuncedisa ekunikeni inkxaso ngamandla (advocacy material) (iiphowusta ziya kufumaneka kwii-ofisi zezithili zemfundo nasezikolweni ekuqaleni kuka-Oktobha 2009. Umxholo wazo uthi: IiNkokeli eziluLutsha kwezeMfundo (Youth Leadership in Education).


ISAYINWE: NGU-LJ ROSE
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:07

Isihlomelo A  (ubukhulu: 35 KB)