1. I-Allan Gray Orbis Foundation ineqela eliqingqiweyo leemali zenkxaso (scholarships) kubafundi abenza iBakala 6 njengangoku zokuba bafunde kwizikolo zikarhulumente nezikolo eziziisekondari ezizimeleyo ezithile ezitshatsheleyo ukususela ngo-2011 ukubheka phambili. Le nkxaso-mali ihlawulela iindleko ezipheleleyo zokufunda neefizi zasehostele. Ukongeza apho, ikwabandakanya nenkxaso esisibonelelo seehambo, (travel allowance), izinto zokubhala, iincwadi, izinto zokuhlamba (toiletries), iyunifom yesikolo neempahla zokunxiba kwakunye nezinye izibonelelo.
2. I-Allan Gray Orbis Foundation ibakhetha abafundi ngokususela kwinkqubo yabo ezifundweni nasekuthatheni inxaxheba kwabo kwimisebenzi eyenziwa emva kweyokufunda, igxininise ngokukodwa kwimfuno yezemali njengekhrayitheriya. Abenzi-sicelo kuya kufuneka bangenele inkqubo yokhetho engqongqo, ebandakanya, phakathi kwezinye izinto, iimvavanyo nodliwano-ndlebe lokuqinisekisa umgangatho nabaviwa kunye nomnye umzali/umgcini womfundi (guardian).
3. Ukuze bafanele ukwenza isicelo, abafundi mabazalisekise ezi khrayitheriya zilandelayo:

  • Umfundi weBakala 6 waseMzantsi Afrika obonisa isakhono esiqaqambileyo kwiMathematika nesiNgesi; yaye;
  • Onokubonisa ngokucacileyo ukuba ufuna uncedo lwemali.
4. Inkqubo yokwenza isicelo enamanyathelo amane ibandakanya oku kulandelayo:

Inyathelo 1: Ukungenisa isicelo

Inyathelo 2: Ukubhala uvavanyo

  • Abenzi-sicelo abafakwe kuluhlu olufutshane baya kucelwa ukuba babhale iimvavanyo zolwazi lokubala, nolwazi lokufunda nokubhala kumaziko ngamaziko ovavanyo akulo lonke eli lizwe;

Inyathelo 3: Udliwano-ndlebe lobuso ngobuso

  • Kuphela ngabenzi-sicelo abakuluhlu olufutshane abaya kucelwa ukuba beze kudliwano-ndlebe lobuso ngobuso. Ngethuba lalo mjikelo, umenzi-sicelo ngamnye makakhatshwe ngumzali omnye/ngumgcini womfundi omnye;

Inyathelo 4: Ikhempu yokhetho

  • Kuphela ngabenzi-sicelo abakuluhlu olufutshane abaya kucelwa ukuba beze kwiKhempu yoKhetho (Selection Camp) yosuku olunehafu eNtshona Koloni okanye eGauteng.
5. Kuphela ngabenzi-sicelo abanala maxwebhu anika ubungqina alandelayo kwizicelo zabo abaya kufaneleka ukukhethwa:

  • Ikopi engqiniweyo yesatifikethi sokuzalwa, yesazisi okanye ipasipoti yomfundi;
  • Ikopi engqiniweyo yesazisi somzali/somgcini womfundi (sabazali/sabagcini bomfundi);
  • Ikopi engqiniweyo yeS(Z)atifikethi s(z)okuSweleka kwabazali, ukuba kuyasebenza oko;
  • Ikopi engqiniweyo yeripoti yeBakala 5;
  • Ikopi engqiniweyo yeripoti yeBakala 6;
  • Ikopi engqiniweyo ye(e)peyisiliphu yabzali, ukuba kuyasebenza oko;
  • Ingxelo (iingxelo) efungelweyo (affidavit) ukuba umzali akaqeshwanga/uhleli ekhaya, anike izizathu zokungaqeshwa;
  • Incwadi ebhaliweyo enesitampu esayiniweyo engqina ngaye evela kutitshala;
  • Incwadi ebhaliweyo enesitampu esayiniweyo engqina ngaye evela kwinkokeli yasekuhlaleni.

Isaziso esibalulekileyo

Izicelo eziyintsusa, ezizaliswe ngokupheleleyo, kunye NAWO ONKE amaxwebhu axhasayo, mazifike kwii-ofisi zakwa-Allan Gray Orbis Foundation engadlulanga uLwesihlanu we-18 Septemba 2009. Ifom zezicelo ezingazaliswanga ngokupheleleyo, ezifike emva kwexesha, nezithunyelwe ngefeksi kunye/okanye nge-imeyili, aziyi kuthathelwa ngqalelo.

6.

Iifom zokwenza isicelo zingafumaneka ngolu hlobo:

ngokuyikopa ngekhompyutha kweli ziko lewebhu. I-URL yile www.allangrayorbis.org

okanye

ngokuthumela i-sms ethi "SCHOLARSHIP Fax" okanye "SCHOLARSHIP Email" ku-33981 [kuya kubizwa iintlawulo eziqhelekileyo ze-sms] yaye ifom yokwenza isicelo iya kuthunyelwa kuwe nge-imeyili okanye ngefeksi, ngokwalo ndlela uyikhethileyo:

Umhla wokuvala kwifom zokwenza isicelo nguLwesihlanu we-4 Septemba 2009 ngo-17h00.


7. Iifom ezizaliswe ngokupheleleyo nawo onke amaxwebhu axhasayo kufuneka zithunyelwe kule dilesi ilandelayo:
7.1

Ngesandla

The Allan Gray Scholars Programme Manager
Allan Gray Orbis Foundation
Block B, Granger Bay Court
Beach Road, V&A Waterfront
Cape Town
8001;

7.2 Ngeposi (asiyomfuneko istampu sokuposa)

The Allan Gray Scholars Programme Manager
Freepost Licence No.: -CB11349
Waterfront
8002.



ISAYINWE: NGU-LJ ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:24

"Allan Gray Orbis Foundation Application Form 2009"  (ubukhulu: 78 KB)