1. Njengokuba kunjalo kuzo zonke iimviwo, kubaluleke kakhulu ukuba amaphepha emibuzo neememoranda zigcinwe ngokukhuselekileyo ukwenzela ukugcina ukubasemthethweni kweemviwo ezifanayo (common examinations).
2. I-CD enye, ekukho kuyo amaphepha emibuzo azo zonke iimviwo, nenye i-CD, ekukho kuyo iimemoranda zokumakisha, iya kusiwa kwizikolo ezimele ukuphumeza isiCwangciso sikaZwelonke sokuPasa kwaBafundi ngoMyinge oQingqiweyo (National Strategy for Learner Attainment schools) nezikolo ezimeko yazo isemngciphekweni (schools at risk) Kubuncinane kwiintsuku ezisi-7 phambi kokuqala kweemviwo.
3. Iinqununu ziya kunikwa ikhowudi yokungena kuzo zombini ii-CD. Kucetyiswa ukuba kube ziinqununu kuphela eziprinta iimasta kopi kwi-CD, ukuze izifundo ezingachaphazelekiyo kwisikolo eso zingabikho sengozini.
4. Ukwenziwa kwangethuba kweekopi zamaphepha emibuzo kuya kuba luxanduva lwenqununu. (Qinisekisa ukuba oomatshini bakho bokuprinta bayasebenza.)
5. Makuthathwe onke amanyathelo okhuseleko okuthintela okungekehli (precautions) malunga nokuprinta nokugcinwa kwamaphepha emibuzo. (Ngokumalunga noku, kucelwa ufunde i-Invigilator's Manual 2008, eyayikhutshelwe iinqununu.) Bonke ootitshala nabasebenzi mabaxelelwe ukuba akukho nto iya kuba yinzuzo kuye nabani na ukuba kunyashwa ezokhuseleko nangayiphi na indlela. Ezi mviwo zinika ithuba abafundi nootitshala lokuvavanya inqanaba lokulungela kwabaviwa iimviwo zokuphela konyaka.
6. Kucelwa utshekishe amaphepha emibuzo uwalungise ngokulandelelanayo esefini yakho ngokungqinelana nethayimthebhile.
7. Luxanduva lwenqununu ukukhupha iphepha lemibuzo elichanekileyo ngokungqinelana nethayimthebhile.
8. Imemorandam nganye mayinikwe ootitshala emva kokubhalwa kwephepha elo.
9. Ukuthintela izitenxo (irregularities) ngokunxulumene nokugcinwa ngokukhuselekileyo kwamaphepha eemviwo neemakhishithi, inqununu okanye umphathi weziko makaqinisekise ukuba ezi zinto zigcinwa esefini okanye kwigumbi elinqatyisiweyo.
10. Yinqununu yesikolo yodwa qwaba enoxanduva lokugcinwa ngokukhuselekileyo kwezitshixo zesefu okanye zegumbi elinqatyisiweyo. Oku kukwasebenza nakwiimeko apho amaphepha emibuzo esikolo, iimakhishithi, iincwadi zeempendulo nezinto zokubhala zigcinwe kwesinye isikolo okanye kwelinye iziko. Umcebisi ngeze-IMG makaqinisekise ukuba lo myalelo ulandelwa ngqo kwaye akuphunywa nakancinane kuwo.
11. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kususwe amaphepha emibuzo esikolweni phambi okanye ngexesha lokubhalwa kweemviwo. Makwenziwe amalungiselelo yinqununu okuvula igumbi elinqatyisiweyo nokubeka esweni zonke ezinye iinkqubo zokhuseleko ezinxulumene namaphepha emibuzo yeemviwo.
12. Ukugcinwa ngokukhuselekileyo kwamaphepha emibuzo yeemviwo akunakugxininiswa ngaphezu koku yaye ke ngoko kunyanzelekile ukuba kuthathwe onke amanyathelo okukhuseleko okuthintela okungekehli (precaution) xa kusetyenzwa ngee-CD okanye xa kufakwa estoreni amaphepha eemviwo.
13. Sinqwenela zonke izikolo nabafundi okuhle kodwa ngexesha leemviwo.


ISAYINWE: NGU-LJ ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:19