1. Abantwana abakubudala bokuhamba isikolo ngabona basemngciphekweni wezifo ezinxulumene neentshulube. Amaphando abonise ukuba yi-80% ukuya kwi-100% yabantwana abafunda kwizikolo eziziiprayimari kwiingingqi ezithile abaneentshulube (helminths). Abantwana abahlala kwiindawo ezingenamanzi acocekileyo nezingenazibonelelo zezindlu zangasese zizizo nazingenandawo zokuhlambela zifanelekileyo ngabona basemngciphekweni omkhulu. Ukongeza, uphando lwakutshanje lubonise ukuba ubukho beentshulube ithuba elide bungayandisa ingozi yeHIV neThibhi. Iintshulube zikhuphisana ngokufunxa ukutya namandla ebantwaneni, zinto ezo abantwana abazifunayo ukuze bafunde yaye bakhule. Nangona abantwana bebonelelwa ngokutya okunezondlo ngeProgram yeSondlo yeZikolo kaZwelonke (National Schools Nutrition Programme), uninzi lwaba bantwana lusoloko lukwafuna ukunyangelwa ukuhlaselwa ziintshulube. Kuphando lwakutshanje ebekukhethwe abantwana apha naphaya, ekusetyenziswe abantwana abayi-28 000 base-Uganda kulo, kufunyaniswe ukuba ukunyangelwa iintshulube amaxesha amabini nje kuphela ngonyaka, aba bantwana baye bongeza ubunzima bomzimba obufikelele kwi-10% ngonyaka nje omnye.
2. NgoMeyi 2001, uMzantsi Afrika usamkele isigqibo seWorld Health Assembly (WHA) (resolution 54.19) esinjongo ikukuba ibe ngabantwana besikolo abangama-75% ukuya kwi-100% abangena kwiprogram yokunyangelwa iintshulube qho okwenziwa zizikolo ngethuba kufikwa ku-2010, apho iba ngootitshala ikakhulu abenza unyango.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni neSebe lezeMpilo, azamkele iiseshoni zokunyangelwa iintshulube rhoqo kwizikolo ezikhethiweyo, ezibandakanya:
3.1 izikolo ezikwiProgram yeSondlo seZikolo kaZwelonke ;
3.2 nezikolo ezichongiweyo ngoonompilo bezikolo okanye ngabasebenzi bezempilo bokusingqongileyo beSebe lezeMpilo.
4. Izikolo ezinqwenela ukujoyina le program yokunyangelwa iintshulube zingafunda esi sikhokelo Step by Step Guide to Deworming, ukufumana ingcaciso engaphezulu. (Kucelwa uqaphele ukuba esi sikhokelo sathunyelwa liSebe lezeMpilo kwaye sifumaneka ngesiNgesi kuphela.)
5. Kuya kufuneka izikolo ezijoyina le program zijolise kule miba mithathu ilandelayo:
5.1 Ukunyangelwa iintshulube: Iipilisi zokunyangelwa iintshulube ziya kusiwa ngoonompilo bezikolo, zinikwe ngootitshala abaqeqeshiweyo abafundi ababazali babo banike imvume yokuba abafundi abo bangathatha inxaxheba kule program (jonga kwi-Step by Step Guide to Deworming) ;
5.2 Ukufunda ngeMpilo noCoceko: Ukufunda ngempilo nococeko kuyinxalenye ebalulekileyo yeprogram yokunyangelwa iintshulube, kwaye kujolise ekuthinteleni ukwanda kohlaselo lweentshulube. Kucetyiswa ukuba ootitshala benze izicwangciso zezifundo eziya kubandakanya le ngcaciso kwizifundo abazifundisayo ngoku. Izibonelelo ezixhasa ukufunda ziya kufumaneka kwiSigaba seSiseko nesiPhakathi. Ezi zibonelelo zinga-odolwa ngokusebenzisa umongikazi wesikolo. Izikolo ziyakhuthazwa ukuba ziphonononge izicwangciso zokufundisa abazali noluntu ngokubanzi ngeentshulube, umzekelo, kwiintlanganiso zabazali nabahlali, ngeephamflethi, ngamaphephandaba engingqi, ngezikhululo zeerediyo zabahlali, (jonga kwiStep by Step Guide to Deworming) ;
5.3 Ucoceko: Le program kufuneka yenziwe bhetele ngakumbi ngokuthi kubekwe esweni ucoceko nakwiindawo zokuzicoca nokuzinceda zangasese ezikumasango esikolo ukuthintela usuleleko kwakhona. Ukubeka esweni kubandakanya ukutshekisha ukuba izindlu zangasese neebheyisini zokuhlambela izandla zicocekile kwaye ziyasebenza kakuhle; nokuba abafundi banako ukufumana isepha namaphepha ezindlu zangasese yaye kukho nemigqomo yeephedi. (jonga kwiSchool Sanitation Guidelines)
6. Kucelwa uqinisekise ukuba le ngcaciso yaziswa onke amabhunga olawulo ezikolo, nootitshala bonke ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-MJ THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:20

Step by Step Guide to Deworming  (ubukhulu: 28 KB)