1. Ngokophando oluqhutywe yi-UCT/MRC Research Unit for Exercise Science e-Sports Science Institute of South Africa, uninzi lwabafundi bethu aluthathi nxaxheba emidlalweni.
2. Eli phuluo i-Health of the Nation Awareness and Educational Campaign lijolise kule miba mithathu ilandelayo:

  • ukubaluleka kokuthatha inxaxheba emidlalweni;
  • ukuzigcina komntu ecocekile; kunye
  • nokondleka (nutrition).

Ezi zinto ziyinxalenye yekharityhulam yaye ke ngoko zinokufakwa kwiprogram yokufunda nakwizicwangciso zezifundo.

3. ICandelo lokuNika iNkxaso kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa (Directorate Specialised Education Support) licela zonke izikolo ukuba zixhase i-Health of the Nation Sports Challenge okanye zenze amaphulo anjengeli okwazisa ngale miba ezikolweni zazo.
4. Kuqhotyoshelwe apha iphamflethi yokunika ingcaciso evela kwiSebe lezeMpilo.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-MJ THERON
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:16

"Background to the Kellogg’s Health of the Nation: 50 hour sports challenge"  (ubukhulu: 126 KB)