1. Nakuba kuziingxelo ezimbalwa kakhulu zabafundi besikolo abanesifo sokudumba kwenwebu yengqondo (meningitis) ezithunyelelwe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), inye kuphela qwaba imeko yesifo sokudumba kwenwebu yengqondo engqiniweyo kweli phondo yaye ziyacetyiswa izikolo ukuba zingakuthathi oku njengokuqhambuka kwesi sifo.
2. Nakuba kunjalo, kukho iingxelo zokuqhambuka kwesifo semasisi (measles) eGauteng kwaye iSebe iWCED linqwenela ukuba izikolo zithathe amanyathelo ayimfuneko okhuseleko ukulungela nantoni na kwimeko apho ingathi imasisi inwenwele kweli leNtshona Koloni.
3. Ukwenzela ukuba izikolo zihlale zilungiselele ngokwaneleyo, kuqhotyoshelwe apha iiphamflethi ezivela kwiSebe lezeMpilo zokunazisa ngesifo sokudumba kwenwebu yengqondo nangemasisi.
4. Ukuba ugqirha uye waqhagamshelana nesikolo sakho ngenjongo yokukwazisa ngokufunyanwa kwesifo sokudumba kwenwebu yengqondo okanye kwemasisi okungqinwa luxilongo alwenzileyo komnye wootitshala bakho okanye wabafundi besikolo bakho, mayikhawuleze kwaoko inqununu yesikolo kunye nebhunga lolawulo iqhagamshelane ne-ofisi yesithili semfundo efanelekileyo, ixele oko kufunyanwa kwesifo okungqinwe luxilongo.
5. I-ofisi yesithili semfundo iya kuthi ke ngoko iqhagamshelane nabeeNkonzo zezeMpilo beCandelo leZifo ezoSulelayo baloo Ngingqi (Regional Health Services' Communicable Disease Unit).
6. Igqiza leCandelo leeNkonzo zezeMpilo liya kufika apho esikolweni lize kubeka esweni imeko yaye lihlole nobungakanani bomngcipheko esikuwo isikolo. Umngcipheko wosuleleko ungathathwa njengosezantsi, njengophakathi okanye njengophezulu ngokuxhomekeka kwimiba eliqela eya kuthi ihlolwe ligqiza leeNkonzo zezeMpilo (Health Services team).
7. Ukuba igqiza leeNkonzo zezeMpilo licebisa amanyathelo okulwa ukunwenwa kosuleleko sisifo, ziyabongozwa iinqununu zezikolo ukuba zikuthathe oko njengomba onobuzaza, yaye ziqinisekise ukuba iyenziwa yonke imiyalelo enikiweyo.


ISAYINWE: NGU-MJ THERON
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:07

I-"MENINGOCOCCAL MENINGITIS"  (ubukhulu: 16 KB)