1. Uyacelwa ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo leKharityhulam ye-FET: DCF 0009/2009, ye-6 Apreli 2009, apho waye waxelelwa ukuba "...ngenxa yokugqitywa kade kokwenziwa kwe-LTSM ye-HIV/AIDS engqinelana ne-NCS entsha liSebe leMfundo likazwelonke nokuguqulelwa kwezi ncwadi zokuncedisa ukufunda kuzo zonke iilwimi zaseburhulumenteni zeli phondo emva koko, i-LTSM ye-HIV/AIDS iya kuthi kwakhona isiwe kade ezikolweni nakulo unyaka. Sikucelela uxolo kakhulu oku. Kwakulindeleke ukuba ezi ncwadi zokuncedisa ukufunda zisiwe ezikolweni ukuqalela kuMeyi ukuya kuJulayi 2009."
2. Ngelishwa, kusalindeleke okunye ukulibaziseka ekusiweni ezikolweni kwezi ncwadi zokuncedisa ukufunda zikhankanywe apha ngasentla. Okwangoku ayikaziwa kanye eyona mihla yokusiwa kwezi ncwadi zokuncedisa ukufunda, kodwa izikolo ziya kwaziswa kwangethuba ngomhla wokusiwa kwezi ncwadi zokuncedisa ukufunda.
3. Bayacelwa ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation) abachatshazelweyo koku kulibaziseka ukuba bahlenga-hlengise iishedyuli zabo kwangokunjalo.
4. Ziyacelwa izikolo ezisenaso istokhwe sonyaka ophelileyo ukuba zinike ngesisa izikolo ezingenazincwadi zokuncedisa ukufunda iincwadi ezingaphezu kwemfuneko ezisenazo. Kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli we-HIV/AIDS okwi-ofisi yesithili semfundo yakho ukuba lukho uncedo olufunayo malunga noku.
5. Kucelwa niqaphele ukuba i-LTSM ye-HIV/AIDS ziincwadi zokuncedisa ukufunda zokongezelela. Akukho zindleko isikolo esiza kungena kuzo. Bayakhuthazwa ootitshala ukuba bazilungise apha naphaya ezi ncwadi ukuze zilungele iimfuno zabafundi babo.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane abaququzeleli bezikolo be-HIV/AIDS kunye nootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi.


ISAYINWE: NGU-MJ THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:26