1. IYunithi ye-HIV/AIDS yeSebe leMfundo leNtshona Koloni inqwenela ukwazisa bonke abaqeshwa, abazali nabafundi ukuba uSeptemba 2009 yiNyanga ye-AIDS eZikolweni kuZwelonke (National School Aids Month).
2. Onke amabhunga olawulo ezikolo, ootitshala nabafundi bayakhuthazwa kwakhona ukuba bagxininise kwi-HIV/AIDS ngenyanga kaSeptemba. Siyababongoza ukuba basebenzise umdla nobuchule babo bokuyila bavelise iiprogram neziganeko ezikhokelela kuSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele (World AIDS Day) nge-1 Disemba 2009.
3. Izikolo namahlakani azo kubahlali (abazali, imibutho yabahlali neyezenkolo noomasipala) kufuneka bagxininise kule miba ilandelayo ephathelele kwizakhono zobomi ze-HIV/AIDS kunye nokufunda ngezesini:

  • Ukwenza kuqatshelwe ngakumbi, ukucacisa izinto ezingeyonyaniso (myths) nokunika ingcaciso echanekileyo ukuncedisa ekuthinteleni ukusasazeka nokuthomalalisa amandla e-AIDS
  • Ukudala umoya wokunyamekela abo basulelwe nabachatshazelwe sesi sifo
  • Ukusingatha imiba yocalucalulo, iziyobisi, ulwaphulo-mthetho, ukukhulelwa kwamantombazana afikisayo, ukuthengisa ngemizimba nesimo esitenxileyo sokuphatha kakubi kungcungcuthekiswe abanye, nesithi sandise ukunwenwa kwentsholongwane kuluntu olungabahlali
  • Ukukhuthaza indlela yokuziphatha kakuhle nangenkathalo nokuphuhlisa iinkokeli eziselula zangomso
  • Ukuxoxa ngemiba edala impikiswano enjengokusetyenziswa kweekhondom, ukufumana ingcebiso nokuxilongwa ngokuzithandela (voluntary counselling and testing) nezinye iindlela zonyango namachiza (alternative treatments and medication)
  • Ukukhuthaza imikhwa yokuzigcina ukwentle impilo nokubuyisela izithethe neemfundiso zoluntu lwasekuhlaleni
  • Ukudala izikolo nabahlali abanenkathalo ngakwabo basulelwe nabachatshazelwe yi-HIV/AIDS
4. Izikolo zinokufikelela kwezi njongo ngokwenza iiprogram ezizivelise ngokwazo (creative programmes) zabafundi, abazali nootitshala noluntu olungabahlali abangqonge izikolo. Ezi program mazingapheleli nje kwimisebenzi esekelwe kwikharityhulam, koko mazinatyiselwe nakwizinto ezenziwa ngexesha lasemva kweeyure zokufundisa (extra-curricular activities).
5. Ukuba izikolo zifuna nayiphi na ingcaciso eyenye okanye uncedo olulolunye, kungaqhagamshelwana naba baququzeleli be-HIV/AIDS balandelayo kwii-ofisi zezithili zemfundo:

Metro Central Loretta Erasmus-Arendse Ifoni 021 659 4300
Metro South Nceba Jalamba Ifoni 021 370 2072
Metro North Labeqa Abrahams Ifoni 021 938 3065
Metro East Faith Booi Ifoni 021 900 7024
West Coast Kennith Booise Ifoni 021 860 1200
Cape Winelands Alister Adonis Ifoni 023 348 4687
Overberg Benorita Ockhuis Ifoni 028 2147300
Eden & Central Karoo Lionel Pedro Ifoni 044 874 3130
6. Kuya kuthakazelelwa kakhulu ukuthatha inxaxheba kwenu ngenkuthalo kwiiprogram zale Nyanga ye-AIDS eZikolweni kuZwelonke.


ISAYINWE: NGU-MJ THERON
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:26