1. Kuthunyelelwe iSebe leMfundo leNtshona Koloni iingxelo ezimbalwa zokuba kukho abafundi abanesifo sokudumba kwenwebu yengqondo (meningitis) esikolweni.
2. Izikolo zicetyiswa ukuba zingakuthathi oku "njengoqhambuko" lwesifo njengoko kuye wakhutshwa iingxelo ezinjalo. Nakuba kunjalo, ukwenzela ukufundisa nokwenza izikolo zihlale zilungele nantoni, kuqhotyoshelwe apha iphamflethi evela kwiSebe lezeMpilo ukunazisa ngesi sifo nokuba nisiqaphele.
3. Ukuba ugqirha uye waqhagamshelana nesikolo malunga nobungqina besiganeko sokudumba kwenwebu yengqondo komnye wabafundi/wootitshala esikolweni, makuthathwe ngokukhawuleza la manyathelo alandelayo yinqununu nebhunga lolawulo:
3.1 Makuqhagamshelwane ne-ofisi yesithili semfundo yaziswe ngobungqina bokufumaneka kwesi sifo esikolweni.
3.2 I-ofisi yesithili semfundo mayiqhagamshelane nabeeNkonzo zeMpilo beCandelo leZifo ezoSulelayo baloo Ngingqi (Regional Health Services' Communicable Disease Unit). Eli Candelo leeNkonzo zeMpilo liya kufika apho esikolweni liye kubeka esweni imeko lihlole ubungakanani bomngcipheko esikuwo isikolo. Ngokuxhomekeka kwimiba eliqela, umngcipheko wosuleleko ungathathwa njengophantsi, njengophakathi okanye njengophezulu.
3.3 Iingcebiso ngamanye amanyathelo anokuthathwa ziya kwenziwa yikomiti yezeMpilo kunye ne-ofisi yesithili semfundo, kuze kuqhutyekwe nokubeka esweni imeko leyo njengoko kungayimfuneko.
4. Ziyabongozwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zikuthathe oku njengomba onobuzaza, zize zilandela la manyathelo kwimeko engalindelekanga yokuxelwa kokuqhambuka kwesi sifo sokudumba kwenwebu yengqondo ezikolweni zazo.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala nabasebenzi bamaziko azo namabhunga olawulo ezikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:16

iMeningococcal Meningitis  (ubukhulu: 29 KB)