1. Izindlu zangasese nezibonelelo zokuhlamba izandla zezikolo zidlala indima ebaluleke kakhulu ekukhuthazeni impilo yabafundi nokuthintela ukusasazeka kwezifo ekukho phakathi kwazo utyatyazo, ikholera, icesina, iintshulube, izigulo zamehlo nezigulo zolusu.
2. NgokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, ibhunga lolawulo lesikolo lifanele ukuphendula malunga nolondolozo lwemihla ngemihla lwezi zibonelelo zesikolo.
3. Zonke izikolo kufuneka zifikelele kule migangatho isisiseko:
  • Izikolo kufuneka zibe nezindlu zangasese nezibonelelo zokuhlamba izandla ezaneleyo ukulungiselela iimfuno zabafundi, ezisekelwe kulo mlinganiselo ucetyiswayo othi makubekho indlu yangasese enye kubafundi abangama-35 (35:1) nebheyisini yokuhlambela izandla enye kubafundi abangama-60 (60:1);
  • Zonke izindlu zangasese neebheyisini zokuhlambela izandla mazicoceke kwaye zisebenze kakuhle;
  • Abafundi mabakwazi ukufumana amaphepha endlu yangasese ukuthintela ukubloka;
  • Abafundi mabanikwe isepha namanzi acocekileyo ukuhlamba izandla emva kokusebenzisa indlu yangasese;
  • Makubonelelwe ngemigqomo yeephedi kuzo zonke izindlu zangasese ukuthintela ukubloka;
  • Zonke izikolo mazenze amalungiselelo abafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa;
  • Makwenziwe zonke iinzame ukuqinisekisa ukhuseleko lwabafundi bona buqu nokuba akwazi umfundi ukuba yedwa kwindlwana leyo (privacy) xa besebenzisa izindlu zangasese.
4. Ukongeza, ziyacetyiswa izikolo ukuba zithathele ingqalelo ezi ngcebiso zilandelayo zolawulo oluphuculweyo lwezi meko apho esikolweni:
  • Zonke izikolo kufuneka zenze isaveyi (uphando ngemeko) yezindlu zangasese zezikolo kwakunye nezibonelelo zeebheyisini zokuhlambela izandla, zize zisebenzele ukuza nezona zisombululo zifanelekileyo. Kufuneka le saveyi yenziwe qho ukwenzela ukubeka esweni usetyenziso, ucoceko nolondolozo lwezi zibonelelo. Kufuneka kukhuthazwe ukuthatha inxaxheba kwabafundi nootitshala kulo msebenzi. Iziphumo zesaveyi kufuneka zaziswe abafundi, ootitshala, ibhunga lolawulo lesikolo nomphathi wesekethe ;
  • Isepha namaphepha ezindlu zangasese kufuneka zibekho kuzo zonke izibonelelo, kwaye kufuneka zibonelelwe ngokwaneleyo kwibhajethi yesikolo. Ukuba izikolo zikhethe ukuba ibe ngootitshala abakhupha isepha namaphepha ezindlu zangasese xa kufuneka kuthintelwe ubusela nokumoshwa kwawo, abalawuli besikolo mabaqinisekise ukuba abafundi banikwa amathuba afanelekileyo okusebenzisa ezi zibonelelo ;
  • Ukuba izindlu zangasese nezibonelelo zokuhlambela izandla ziba mdaka, zibloke okanye zaphuke, mazilungiswe ngelona xesha lifutshane linokufumaneka.
5. Kucetyiswa ukuba ootitshala bamane ukuthetha qho ngokubaluleka kococeko lomntu buqu, lwamanzi, lwezibonelelo zokuzicoca nempilo yendalo esingqongileyo ngethuba lokufundisa. Ezinye izibonelelo zokuxhasa ukufunda ziyafumaneka kweli ziko: Health Promotion Resource Centre (Inombolo yefoni: 021 710 9863, 2nd floor Maynard Plaza, Maynard Road, Wynberg) zazo zozibini iZigaba, eseSiseko nesiPhakathi.
6. Esi sikhokelo iSchool Sanitation Guidelines, sicacisa iindima nemisebenzi eyimfanelo yabafundi, yootitshala, nabasebenzi abacocayo kunye neyebhunga lolawulo lesikolo, ekuqinisekiseni usetyenziso oluchanekileyo nolondolozo olululo lwezi zibonelelo. Sikwanika nezikhokelo ezicace gca zolondolozo lwemihla ngemihla lwezibonelelo nokulungiswa kwazo okungxamisekileyo.
7. Iya kuthakazelelwa into yokuba la maxwebhu anengcaciso nesi saziso angaziswa bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo lesikolo.


ISAYINWE: NGU-MJ THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:20

School Sanitation Guidelines  (ubukhulu: 51 KB)