1. |
Iphulo iKha Ri Gude Mass Literacy Campaign lamiselwa ngokusesikweni ngo-Apreli 2008 ngenjongo yokwenza ukuba abemi boMzantsi Afrika abazizigidi eziyi-4,7 babenako ukufunda nokubhala nokubala ngolwimi olunye kwezilishumi elinanye kwezaseburhulumenteni ngonyaka ka-2012. Injongo kukwenza abafundi ukuba bafunde, babhale yaye babale ngolwimi lwabo lwenkobe ngemilinganiselo yemigangatho ye-ABET Level 1.
|
2. |
Njengangoku iNtshona Koloni inabafundi abayi-12 700 ababhalisele iprogram ka-2009. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lithwele uxanduva lwabo bafundi abathe bagqiba ngempumelelo iprogram yaye benqwenela ukuqhubeka bezixhobisa ukulungiselela ukuqeshwa. Oku kunokwenziwa ngokusetyenziswa kwamaziko ethu oluntu okufunda, nafundisa iABET Level 1 ukuya ku-4. ISebe iWCED lizimisele ukwenza amalungiselelo okubhalisa abafundi abayi-2500 be-Kha Ri Gude kwii-CLCs ngo-2010.
|
3. |
Bayakhuthazwa ke ngoko abaphathi bamaziko oluntu ukuba baqhube iphulo lokwazisa ngamaziko abo kubafundi abakumaziko eKha Ri Gude nokuba baqinisekise ukuba abafundi beKha Ri Gude bayalungiselelwa ukuba bangene kumaziko oluntu abo. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zeesuphavayiza zeKha Ri Gude zingafumaneka kuBaphathi beze-IMG (AET) kwii-ofisi zezithili zemfundo. Ezi suphavayiza ziya kubanako ukunceda iiCLCs ukuba zinxibelelana namaziko e-Kha Ri Gude nabafundi.
|
4. |
Ziyacelwa ii-ofisi zezithili zemfundo ukuba zibeke esweni yaye zinike inkxaso iiCLCs ngokumalunga nalo mba.
|
5. |
Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noMnu S Tonkin kule nombolo yefoni 021 467 2279 okanye kule dilesi ye-imeyili: stonkin@pgwc.gov.za
|
ISAYINWE: NGU-E LOUW
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:11
|