1. ICandelo loLawulo loCwangciswa nokuPhathwa kwaMaziko (Directorate: Institutional Management and Governance Planning) [IMGP] licwangcisela ukubamba iinkomfa zamabhunga olawulo ezikolo ngoSeptemba 2009. Ziyamenywa iinqununu zezikolo noosihlalo bee-SGB ukuba zize kwezi nkomfa.
2. Kuya kubanjwa iinkomfa ezintathu ukulungiselela izikolo zaseNtshona Koloni kwezi zithili zemfundo zilandelayo:

  • Cape Winelands & Overberg kwiMain Hall yaseBoland College, Rainier Street, Worcester,
    Umhla: 12 Septemba 2009 Ixesha: 8:30-15:00;
  • Eden & Central Karoo kwiMain Hall yase-Outeniqua Primary School, Cathedral Street, George,
    Umhla: 19 Septemba 2009: Ixesha: 8:30-15:00;
  • The 4 Metropolitan Districts and West Coast District kwiSports Hall saseWestern Cape Sport School, Nooiensfontein Road, Kuils River (kwi-Metro East District),
    Umhla: 10 Oktobha 2009 Ixesha: 08:30-15:00.

Kucelwa niqaphele ukuba amalungu e-SGB makaye kuphela kwinkomfa elungiselelwe eso sithili semfundo sithile sawo.

3. Kucelwa iinqununu zezikolo noosihlalo be-SGB bakhwele isithuthi esinye ukuya kwinkomfa. Iinqununu ziya kubuyiselwa ngeendleko zohambo apho umgama ohanjiweyo ungaphezu kwe-100 km ukusinga kwicala elinye. Ukwenzela ukufaka amabango ngeendleko zohambo, makuzaliswe ezi fom 'Subsistence and Transport' kunye nale Z43 form zize zingeniswe enkomfeni. Izicelo zamabango ezifunyenwe zingenazinkcukacha zipheleleyo okanye zingachanekanga azisayi kuhlawulwa.
4. Kwimeko apho inqununu yesikolo ingaphumeleliyo ukuya kwinkomfa, kodwa abe yena usihlalo esiya yaye umgama ohanjiweyo ungaphezu kwe-100 km ukusinga kwicala elinye, kucelwa isikolo sizihlawule iindleko zohambo size emva koko singenise la maxwebhu alandelayo kwiCandelo le-IMGP ukwenzela ukuba isikolo sibe nokubuyiselwa iindleko zaso:

  • Ileta yentsusa (kungabi yikopi) ebonisa iletahedi yesikolo, esayinwe yinqununu nangunondyebo wesikolo, eyazisa iSebe i-WCED ngeendleko zizonke zohambo ekungenwe kuzo sisikolo;
  • Itshekhi yentsusa esele ihlawulwe (original cashed cheque) ekhutshwe yanikwa usihlalo we-SGB [yaze yafakwa istampu yibhanki],

    OKANYE

    Ivawutsha yemali yentsusa (original cash voucher) yentlawulo yemali enikwe usihlalo nesayinwe ngabantu abagunyaziswe ukwenjenjalo, nerisithi yentsusa (neerisithi zentsusa) ebhalwe igama lesikolo emalunga nemali efunyenwe ngusihlalo waza wayisayinela.

QAPHELA: Izikolo mazigcine iikopi zawo onke amaxwebhu abubungqina (reference) nokulungiselela iinjongo zophicotho-ziincwadi.

5. Indawo yokulala iya kubakho kuphela kwezo nqununu noosihlalo be-SGB ekufuneka behambe ngaphezulu kwe-200 km ukusinga kwicala elinye. Iinqununu noosihlalo abaya kufuna indawo yokulala mabazalise iCandelo B lefom eqhotyoshelweyo. Ingcaciso emalunga nendawo yokulala icelwa ukwenzela ukuqinisekisa ukuba iya kufumaneka. Izicelo zendawo yokulala mazibe sezingenisiwe ngaphambi kwe-8 Septemba 2009. Eso zicelo mazithunyelwe ngefeksi kuMnu Ryan Erasmus apha 021 467 9385. Kuya kuthunyelwa i-imeyili yokungqina ukuba ifumanekile indawo yokulala kumthunywa ngamnye ocele indawo yokulala.
6. Abantu abanenjongo yokuya kwenye yeenkomfa ze-SGB kufuneka bazalise iSiqendu A sale fom iqhotyoshelweyo baze bayithumele kuMnu Ryan Erasmus apha 021 467 9385 phambi kwe-8 Septemba 2009. Le ngcaciso ifunwa ukwenzela ukuba iSebe i-WCED lenze amalungiselelo eenkomfa ezibe nempumelelo.
7. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu nokuphendulwa imibuzo, ungaqhagamshelana noMnu Ryan Erasmus kule nombolo yefoni 021 467 2560.
8. Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane inikwa oosihlalo be-SGB bazo kusuku olunye lomsebenzi ifikile le ngcaciso imfutshane nokuba kuyaxoxwa ngayo, ukwenzela ukuba izikolo zikwazi ukuphendula lingekapheli ixesha elinikiweyo.
9. Iya kuthakazelelwa impendulo yakho ekhawulezileyo.


ISAYINWE: NGU-DD LOUW
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:04

"SGB Conference 2009: Attendance / Accommodation form"  (ubukhulu: 11 KB)