1. Ukwenzela ukungqinelana nemigqaliselo yomMiselo kaNondyebo 8.4 (Treasury Regulation 8.4) wemiMiselo (Regulations) eyabhengezwa ngokoMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente, 1999, (uMthetho 1 ka-1999) (Public Finance Management Act 1999, (Act 1/1999), iigranti neentlawulo ezenziwa ngomatshini (transfer payments) mazisetyenziselwe kuphela loo njongo zazenzelwe yona kwasekuqaleni. Le fom iqhotyoshelweyo, eyenzelwe ukuqinisekisa ukuba kunjalo ngokwenene, mayizaliswe nguSekela-Mlawuli wezoLawulo we-Ofisi yeSithili seMfundo echaphazelekayo. Ifom ezaliswe ngokupheleleyo mayingeniswe kuMlawuli weCandelo lezeMali ne-Akhawuntingi kwaNdlunkulu.
2. Kwixa elizayo zonke iintlawulo zenkxaso-mali (subsidy) ziya kwenziwa kuphela emva kokuba kufunyenwe imvume kaSekela-Mlawuli wezoLawulo kwi-Ofisi yeSithili seMfundo zikwifom emiselweyo.
3. Ngokuzalisa le fom uSekela-Mlawuli ungqina ukuba isikolo siphumeza ulawulo lwemali ngempumelelo, ngokufanelekileyo nangendlela esekuhleni (effective, effecient and transparent management), nto leyo ethetha ukuba uMlawuli weSithili seMfundo unolwazi ngazo naziphi na izitenxo kwiinkqubo zolawulo lwemali eziqhutywa ngendlela eyiyo (sound financial management) (ukuba zikho), esikolweni eso.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:21

"FORM: Transfer payments to independent schools: approval by District Office DD: Admin"  (ubukhulu: 39 KB)

"Government Gazette 19814:  Public Finance Management Act 1999, (Act 1/1999)"  (ubukhulu: 478 KB)