1. IForam yeeNqununu yePhondo (Provincial Principals' Forum (PPF)) yaphehlelelwa nge-6 Februwari 2009. Kubanjwe iintlanganiso zantlanu zephondo ngo-2009 apho kuye kwaxoxwa ngeengongoma ezahlukeneyo. Kuya kwenziwa iziphakamiso zeenguqu ezithile kuxwebhu olungumgaqo-sikhokelo (framework document) ukuze luvunywe ngaBaphathi aBaphezulu (Top Management) ukwenzela ukuba umsebenzi we-PPF ube yimpumelelo nangakumbi. Izikolo ziya kwaziswa xa iinguqu sezivunyiwe.
2. Kuqhotyoshelwe apha kolu xwebhu imizuzu yeentlanganiso ze-PPF. ICandelo loCwangciso loLawulo nokuPhathwa kwaMaziko (Directorate: Institutional Management & Governance Planning) (IMGP) licela uxolo ngokuyikhupha kade kangaka le mizuzu yaye lizimisele ekuqinisekiseni ukuba ukukhutshwa kwemizuzu akulibaziseki kwixesha elizayo.
3. Kwintlanganiso ye-PPF edlulileyo, kwagqitywa ekubeni kubanjwe unyulo lweenqununu ngokukhawuleza kwakule kota ukulungiselela unyaka ozayo. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba inkqubo yonyulo ilandela inkqubo yedemokhrasi. Bayacelwa abalawuli bee-ofisi zezithili zemfundo namagosa ukuba banike inkxaso kwiinqununu nakoosihlalo beeforam ukuqinisekisa ukuba unyulo luhamba kakuhle.
4. Ngako oko ke ziyacelwa iiforam zeesekethe, ezisebenza phantsi kweliso likasihlalo okhoyo ngoku weforam yesekethe, ukuba zinyule iinqununu zibe-2 ukumela isekethe nganye kwiforam yesithili. Kukwafuneka kunyulwe usihlalo omtsha kwiforam yesekethe yaye makazise i-ofisi yesithili semfundo ngamagama eenqununu ezinyulelwe kule foram yesekethe.
5. Usihlalo weforam yesithili ekhoyo ngoku makaqinisekise ukuba iinqununu ezinyuliweyo zibamba intlanganiso yokunyula usihlalo omtsha nokunyula iinqununu ezi-2 eziza kuba kwi-PPF ngo-2010. Usihlalo omtsha makazise umlawuli we-ofisi yesithili neCandelo leze-IMGP, apha NDomsali@pgwc.gov.za okanye Elouw@pgwc.gov.za, ngamagama neenkcukacha zoqhagamshelwano zeenqununu ezinyulelwe kwi-PPF.
6. Kwimeko apho iinqununu zezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa (special schools) zingamelwanga khona ngokwenkqubo yedemokhrasi kwiforam yesithili, usihlalo weforam yesithili makadibane neenqununu zezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa kweso sithili ukwenzela ukunyula iinqununu ezi-2 zezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa eziza kuba kwiforam yesithili.
7. Kwintlanganiso ye-PPF kugqitywe ekubeni intlanganiso mayikujikelezise ukumelwa kweenqununu zezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa kwi-PPF, abe mnye omele izithili zasemaphandleni aze abe mnye omele izithili zasezidolophini, ngenxa yobunzima ekunyuleni ezi nqununu kwizithili ezi-4. Ukujikeleziswa kwezithili kuya kuhamba ngolandelelwano lwe-alfabhethi, ukuqala ngo-2010 kube yi-Ofisi yeSithili seMfundo iMetro Central Education District ukumela izithili zasedolophini ne-Eden & Central Karoo Education District ukumela izithili zasemaphandleni. Ngako oko ke, kwimeko apho iinqununu zezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa zinganyulwanga ngokwenkqubo yedemokhrasi ukuba zibe kwi-PPF, iforam echaphazelekayo yesithili kufuneka kwakhona inyule inqununu ibe-1 yesikolo semfundo eneemfuno ezizodwa kwi-PPF ngethuba lokunyulwa kwamalungu e-PPF.
8. Intlanganiso yokuqala ye-PPF eza kunyulwa mvanje iya kubanjwa ekuqaleni bukaFebruwari 2010. Zonke iinkqubo zonyulo maziqukunjelwe ekupheleni kukaJanuwari 2010.
9. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nomphathi weze-IMG okanye nomphathi wekomiti yesekethe wakho (your IMG manager or circuit team manager).


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:19

IMISEBENZI YAMALUNGU EFORAM  (ubukhulu: 13 KB)

"Minutes of PPF meetings"
"6 February 2009"  (ubukhulu: 18 KB)
"27 March 2009"  (ubukhulu: 10 KB)
"22 April 2009"  (ubukhulu: 31 KB)
"27 August 2009"  (ubukhulu: 84 KB)
"9 October 2009"  (ubukhulu: 44 KB)