1. Ngokohlenga-hlengiso lwabasebenzi (redesign), iCandelo leZikolo eziKhuselekileyo (Safe Schools) ngoku lifakwe kwiCandelo: le-Ofisi ye-SG, phantsi kwecandelwana: loLawulo loKhuseleko leMfundo (Education Safety Management) (ESM). Eli candelwana lijongene kwakhona nokuqinisekisa ukufezekiswa kwe-Occupational Health and Safety Act (OHSA) kunye nokuthotyelwa kwe-OHSA neMinimum Information Security Standard (MISS). Le ngcaciso emfutshane mayifundwe ngokudibeneyo ne-OHSA kunye ne-MISS.
2. ABaphathi boKhuseleko kwezeMfundo (ESM) ngoku baphonononga imigqaliselo ekhoyo engokuphuma ngesiquphe kwisakhiwo (evacuation) nezongxamiseko, baze baqaphela izikhewu ezikhoyo ngokunxulumene nezakhono zabasebenzi (human resources).
2.1 Amavolontiya aya kuba esebenza njengeemashali zomgangatho (floor marshalls), iisekhunda (secunde) namagosa oncedo lokuqala (first aider) bayafuneka.
2.2 Ke ngoko sihlaba ikhwelo elicela ngokukhawuleza abalawuli baqaphele baze banike i-ESM amagama amavolontiya amabini ubuncinane kumgangatho ngamnye abaya kusebenza kwimisebenzi eyahluka-hlukeneyo efunwa yi-OHSA.
3. Njengoko i-WCED isebenzisa imigangatho ethile kuphela eAtterbury House nakwisakhiwo sakwaSanlam, i-WCED iya kulandela imigqaliselo yesakhiwo eso sichaphazelekayo. I-WCED iye, nakuba kunjalo, ibe noxanduva lokukhetha iimashali zomgangatho zayo, iisekhunde, iimashali zomlilo nalowo ubonelela ngoncedo lokuqala kwezi zakhiwo.
4. Abalawuli bayacelwa bathumele uluhlu lwamavolontiya kuMphathi wezoNgxamiseko (Emergency Manager) ngoko nangoko.
5. Kunokuqhagamshelwana noMphathi wezoNgxamiseko, uLuvo Mfenqe, apha lmfenqe@pgwc.gov.za, okanye ku-021 467 2170 okanye ku-08 33 33 12 33.


ISAYINWE: NGU-N. KHAN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:01:07