1. Okuqhotyoshelwe apha ziilisti zamvanje zabathengisi ababhalisiweyo izikolo ezinokuthenga kubo iincwadi zazo zezifundo (textbooks) nezinye izibonelelo, ngokungqinelana nomhlathi 5.1.1 (b) weSetyhula 0051/2007 ye-21 Septemba 2007.
2. Babeceliwe bonke abathengisi ukuba babhalise imvumelwano entsha yeli thuba likhankanywe apha ngasentla, kwaye ezi listi zibonisa bonke abathengisi ababhaliso lwabo luvunyiweyo. Abathengisi abatsha baboniswe ngokubhalwa ngqindilili kwezi listi.
3. Le ngcaciso imfutshane ithatha indawo yeNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo 0022/2008 ye- 15 Disemba 2008.


ISAYINWE: NGU-HJ FISHER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:01:23

Isihlomelo A: "Updated list - HDI Suppliers"  (ubukhulu: 45 KB)
Isihlomelo B: "Updated list - non-HDI Suppliers"  (ubukhulu: 20 KB)