1. Umhlathi 8.3.3.6 we-Accounting Officer's System ucacisa ukuba makungabikho zithenda zivalwayo ngethuba elisusela kwi-15 Disemba ukuya kwi-15 Januwari nakowuphi na unyaka-mali. Ngako oko ke, iirikhwizishini zokuthengwa kwezi zinto zilandelayo kunyaka-mali ka-2009-2010 mazingeniswe kwiCandelo loLawulo loKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo (Attention Mr RL Africa) ungadlulanga owe-20 Novemba 2009:
  1. Iimpahla neenkonzo ezithengwe ngokusebenzisa ithenda, ngokuxhomekeka ekubeni ezo zinto zithengwayo zikho kwisicwangciso sokuthengwa kweempahla neenkonzo secandelo (component's procurement plan) elichaphazelekayo;
  2. Zonke izixhobo (ezinjengefanitshala okanye izinto ezisetyenziswa kwi-IT) kunye neenkonzo;
  3. Ezinye iimpahla (ezinjengeemfuno ze-ofisi neekhatriji zeeprinta) neenkonzo.
2. Abaphathi abathweswe uxanduva lwestokhwe (responsibility managers) mabaqhoboshele ifom PGWC 002 yenkcitho yeBAS (BAS expenditure structure form), ezaliswe zonke iinkcukacha ngokuchanekileyo kwiirikhwizishini zabo. Mababonise kuloo fom ukuba yimalini eyabelwe into nganye okanye inkonzo nganye echaphazelekayo. Ukuba akuqinisekanga ngesitraksha, kucelwa uqhagamshelane neCandelo loLawulo loSetyenziso-mali (Directorate: Management Accounting).
3. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:13