1. Siye saqaphela ukuba iimali ezabelwa izithili zemfundo ziye zidluliselwe kwizikolo ezithile ukwenzela ukuba ezi zikolo zithenge iimpahla (items) egameni lakwandlunkulu nakwii-ofisi zezithili zemfundo. Iimpahla ezithengwe ngolu hlobo ziye zithi emva koko zisiwe kwezo zithili zemfundo okanye kwezinye ii-ofisi.
2. Oku kwenzelwa ukuphepha izikhokelo zabolawulo loqhagamshelwano nabathengisi kwaye oko kushenxe mpela emgaqweni.
3. Bayacelwa abalawuli ukuba baziphelise ngokukhawuleza ezi zenzo zitenxileyo kwii-ofisi zabo. Mabaxelelwe bonke abasebenzi ukuba ezi zitenxo zithathwa njengolwaphulo-mithetho oluxhomis' amehlo kwaye zinokukhokelela ekubeni kuthathwe amanyathelo oluleko ngazo. Kunyanzelekile ukuba bonke abasebenzi balandele ngqo izikhokelo zabolawulo loqhagamshelwano nabathengisi.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:21