1. Ifuthe lemo yezoqoqosho ekhoyo ngoku kwimithombo yemali yeSebe leMfundo leNtshona Koloni yenze ukuba kube yimfuneko ukuqalisa amanyathelo angqongqo angaqhelekanga.
2. NgokweSiqendu 36(1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, ka-1996 (uMthetho No. 84 ka-1996), ibhunga lolawulo lesikolo (school governing body (SGB)) malithathe onke amanyathelo afanelekileyo okuncedisa izibonelelo (resources) ezikhutshwe ngurhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo esikolweni.
3. Ezo zikolo zichatshazelwayo koku, i-SGB mayigxininise kwakhona kubazali imfuneko yokuhlawulwa kweefizi zesikolo. Kwizikolo ezingabizi fizi, iSGB mayikhuthaze ukucelwa kwezipho-mali (donations).
4. Iimali zesikolo mazilawulwe ngenyameko, ize inkcitho yokuthenga iimpahla neenkonzo ezingeyomfuneko engamandla kakhulu iphetshwe mpela.
5. Ii-SGB maziqinisekise kwakhona ngokwenziwa kwala manyathelo okonga alandelayo amalunga neenkonzo zikamasipala, njengoko kucacisiwe kwisiHlomelo B seSetyhula No. 0034/2008, esiphathelele kwiMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali (Norms and Standards):
5.1 Umbane

  1. Izibane zaphandle mazicinywe ngexesha lasemini;
  2. Kuphela kuxa ukukhanya kwendalo kunganelanga apho makukhanyiswe izibane ngexesha lasemini;
  3. Kuphela zizibane zokhuseleko nezibane zeekona zeeklasi emazikhanyiswe ebusuku. Ngeempela-veki nangeeholide zesikolo ezi zibane mazikhanyiswe ebusuku zicinywe kusasa;
  4. Makhe kucingwe ngokufakelwa kweemitha zombane wekhadi (pre-paid electricity meters), njengoko izikolo ziya kuba nako ukulawula ukusebenza kwawo kunye nenkcitho eyenziwa embaneni. U-ESKOM noninzi loomasipala batshilo ukuba bayakwazi ukuzifakela ezi mitha;
5.2 Amanzi

  1. Iziprinkla zamanzi (water sprinklers) mazisetyenziswe ngokongayo yaye zicinywe xa iiloni nomhlaba ekulinywe kuwo iintyatyambo umanzi ngokwaneleyo;
  2. Makacinywe amanzi angena kwizikhongozeli zomchamo (urinals) nakwiithephu zangaphandle zezakhiwo kwizivingco (stopcocks) xa engeyomfuneko, umz. emva kweeyure zokufunda nangakumbi ngeempela-veki;
  3. Abasebenzi mabaqinisekisa ukuba zonke iithephu zivalwe gingci phambi kokuba basishiye isakhiwo;
  4. Imibhobho ezisa amanzi neemitha zamanzi mazitshekishwe qho ukuba azivuzi na okanye azinaziphene na. Makulandelwe la manyathelo alandelayo:
    • Kwakuphuma isikolo qho ngosuku, qinisekisa ukuba zonke iithephu zivaliwe ube sele ubhala iimitha zamanzi asetyenzisiweyo (take a meter reading);
    • Bhala kwakhona iimitha zamanzi asetyenzisiweyo kusasa phambi kokuba kuvulwe iithephu;
    • Thelekisa omabini amanani afunyenweyo, yaye xa kukho umahluko, thatha la manyathelo alandelayo:
      • Xa kuphuma isikolo ngosuku olulandelayo, vala izivingco ube sele ubhala iimitha zamanzi asetyenzisiweyo;
      • Bhala kwakhona iimitha zamanzi ngosuku olulandelayo phambi kokuba izivingco zivulwe;
      • Ukuba kukho umahluko phakathi kwamanani aboniswa ziimitha zamanzi ngala maxesha omabini, oko kubonisa ukuba isixhotyana sokubala amanzi sonakele asisebenzi kakuhle okanye kukho ukuvuza kwemibhobho;
      • Makwenziwe amalungiselelo ngoko nangoko okuba kulungiswe isixhotyana sokubala amanzi kunye/okanye imibhobho okanye kufakwe emitsha;
5.3 Ukuthuthwa kwenkunkuma

Beka esweni inani lemigqomo yenkunkuma esetyenziswayo esikolweni. Oomasipala badla ngokubiza intlawulo ngomgqomo ngamnye, ngoko ke kubalulekile ukuba kusetyenziswe imigqomo embalwa yenkunkuma kangangoko kunokwenzeka. Kungacingwa kwakhona ngokuqesha ikontraki yabucala ukuba ithuthe imigqomo yenkunkuma yesikolo.

6. Okokugqibela, inkqubo yokulawula nokubuyiswa kweencwadi zezifundo ngabafundi (retrieval of textbooks) mayiphinde ijongisiswe ngokutsha. Ngokunxulumene noku, kucelwa ufunde elaa candelo leNcwadana esiSikhokelo seNtsusa yoLawulo lweeMali zeZikolo (Basic Financial Manual for Schools (Second Edition, 2006) elijongene nemfuneko yobukho benkqubo nokubuyiswa kweencwadi zezifundo ngabafundi esebenzayo ngempumelelo.
7. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ngokumalunga nalo mba ulapha ngasentla.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:26