1. Umhla we-5 ka-Oktobha 2009 luSuku looTitshala lwaMazwe ngaMazwe kwaye ikwalusuku lokuqala lwekota yesine eNtshona Koloni. Niyakhunjuzwa ke ngoko ukuba olu suku iya kuba lusuku lwesikolo oluqhelekileyo nokuba akukho sikolo masivalwe ngolu suku naphantsi kwayo nayiphi na imeko.
2. Injongo yoSuku looTitshala lwaMazwe ngaMazwe, phakathi kwezinye izinto, kukubonakalisa ukuwuxabisa nokuwuqaphela umsebenzi owenziwe ngootitshala. Ngenxa yoku, kungenzeka ukuba iimanyano zootitshala zingacela ithuba lokukhululwa emsebenzini (time-off) ukuze zithathe inxaxheba kumbhiyozo wolu suku.
3. Ngenxa yomsebenzi oyimbophelelo nemfanelo wokuqiniseka ukuba kugcinwa imfundo esemgangathweni kunye nokuthathela ingqalelo injongo yolu suku, kucetyiswa ukuba abalawuli bamaziko emfundo basebenzise ingqiqo yabo ukwenzela ukuba bayilawule le meko ukuba ngaba ootitshala baye bakhululwa emsebenzini.
4. Isigqibo malunga nokukhululwa emsebenzini ngolu suku lulodwa siya kwaziswa ngeendlela zonxibelelwano eziqhelekileyo (kwizithili zemfundo) kungekudala.
5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-TS LINGELA
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:06