1. Injongo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kukuba lenze eli ziko libe yindawo elungele ukusetyenziswa ngokukhululekileyo ngabakhubazekileyo (disability-friendly environment), kubandakanywa nabaqeshwa abanokhubazeko, ngokuthi lazise ngokubanzi uluntu ngokhubazeko.
2. Ngowe-29 Meyi 2009, i-LOFOB (The League of Friends of the Blind) iya kuba isenza isikhumbuzo 'soSuku loMhlobo wabaNgaboniyo' ('Blind Buddy Day'). Injongo yolu 'Suku loMhlobo wabaNgaboniyo', oluqhubeka qho ngonyaka ngoMeyi, kukuba kuvuyelwe impumelelo yabantu abangaboniyo yaye kukhuthazwe ukubandakanywa kwabantu abangaboniyo kuyo yonke imiba yezentlalo yoluntu.
3. Ziyacelwa iinkampani nemibutho ukuba zithathe inxaxheba kwizinto ngezinto eziza kwenziwa zokwazisa ngokubanzi uluntu ngokungaboni neenjongo zolu suku.
4. ISebe i-WCED liyakukhuthaza ukuba nawe uthathe inxaxheba kolu suku ngokuthi uthenge istikha se-'LOFOB Blind Buddy Day' nge-R10 usinxibe ngowe-29 Meyi 2009. Ungabonisa nokubaxhasa abantu abangaboniyo ngokunxiba iindondo ezimnyama ngolu suku.
5. Izitikha zinokuthengwa kuGail McConney, 021 467 2091, kwigumbi leSwitchboard, Second floor, e-Grand Central Towers okanye zithengwe ngqo e-LOFOB, 021 705 3753.


ISAYINWE: NGU-S CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:26

"Blind Buddy Day Sticker"  (ubukhulu: 49 KB)