1. ICandelo loLawulo lwaBasebenzi lwaNgaphakathi (Directorate: Internal Human Capital Management) ngokwenjenje lazisa bonke abaphathi bamacandelo (line managers) kunye nabasebenzi benkonzo karhulumente ukuba inkqubo yokumodareyitha esetyenziselwe ukuwonga abasebenzi ngeebhonasi eziyimali ngethuba lomjikelo ka-2007-2008 njengangoku iyajongisiswa kwakhona (is currently under review).
2. Esi sigqibo sithathwe ngenxa yeqela lemibuzo ngemibuzo (various enquiries) eye yafunyanwa nebangele ukuba kukhe kuqwalaselwe imfuneko yokujongisiswa kwakhona kwenkqubo yokumodareyitha ebisetyenziswa xa kusenziwa izigqibo yiKomiti yokuModareyitha eDibanisa onke amaCandelo (Central Moderation Committee) ukuwonga okanye ukungawongi abasebenzi ngeebhonasi eziyimali.
3. Iziphumo zokujongisiswa kwakhona ngokusesikweni kwale nkqubo ziya kwaziswa bonke abaphathi bamacandelo kwakuba kugqityiwe ukwenza oko.
4. Abaphathi bamacandelo kunye nabasebenzi benkonzo karhulumente mabazi ukuba oku kungachaphazela abasebenzi abafumana okanye abangazange bafumane zibhonasi ziyimali.
5. Kucelwa abaphathi bamacandelo baqaphele ukuba akukho mfuneko yokuba baphinde bangenise nawaphi na amaxwebhu e-apreyizali omjikelo ka-2007-2008.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:26