1. |
USuku lwaMalungelo oLuntu eMzantsi Afrika lubhiyozelwa minyaka le ngomhla wama-21 kuMatshi. Lusuku apho kumelwe bonke abemi baseMzantsi Afrika balubhiyozele yaye bakhunjuzwe ngamalungelo oluntu asisiseko esinawo.
|
2. |
Kubalulekile ukuba ngamnye umntu azi ukuba ngawaphi na la malungelo oluntu ukwenzela ukuba sibe nokuwakhusela amalungelo ethu ekubeni anyashwe. UMqulu waMalungelo oLuntu (Bill of Rights) kwiSahluko 2 soMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika (Constitution of the Republic of South Africa) uwadwelisile la malungelo.
|
3. |
NgoSuku lwaMalungelo oLuntu 2009, iSebe iWCED lifuna ukujolisa ngakumbi kwilungelo "leSidima somntu" ("Human dignity").
|
ISAYINWE: NGU-S. CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:13
|