1. Uyacelwa ukuba ufunde iSetyhula 0043/2008 ye-14 Novemba 2008 neSetyhula 6 ka-2009 evela kuMalwuli Jikelele oBambeleyo weSebe leNkulumbuso phantsi kwesi salathiso reference HRM 3/5/1 of 6 November 2009. (ISetyhula 6 ka-2009 iqhotyoshelwe kule ngcaciso emfutshane.)
2. Ukwenzela ukuphepha nakuphi na ukubhideka kubasebenzi ngokumalunga nokuba yintoni na kanye evunyelweyo ngokuphathelele kumatheko okuphela konyaka nokuphuma emsebenzini, abasebenzi mabaqaphele ukuba ukongeza kwiminyinyiva (concessions) enikwayo edla ngokwenziwa ekupheleni konyaka ngamnye, o.k.t. iiyure zokusebenza ezimfutshane ngosuku lomsebenzi oluphambi koSuku lweKresimesi nangosuku lomsebenzi oluphambi koSuku loNyaka oMtsha, abasebenzi baya kuvunyelwa kwakhona ukuba baye kwisidlo sasemini seKresimesi sibe sinye ngethuba leeholide zeKresimesi. Esi sidlo sasemini singenziwa nangaluphi na uhlobo, kodwa masingaze siqalise ingekabethi eye-15:00. Akunyanzelekanga ukuba abasebenzi babuyele ezi-ofisini zabo emva kokuya kwisidlo sokuphela konyaka.
3. Akukho zicelo zizezinye zokuphuma emsebenzini ukuya kuthengela iKresimesi okanye ukuya nakuwaphi na amanye amatheko ziya kuvunywa.
4. Amalungiselelo amatheko okuphela konyaka makenziwe ngokubonisana nomphathi wecandelo (okwinqanaba lomlawuli) ochaphazelekayo.
5. Kubalulekile ngeli xesha lonyaka ukuba iintloko zamacandelo zenze amalungiselelo ayimfuneko okubonelela iinkonzo ezingundoqo nokuqinisekisa ukuba iifoni ziyaphendulwa.
6. Ukongeza koku kukhankanywe apha ngasentla, uMalwuli Jikelele oBambeleyo weSebe leNkulumbuso wazise zonke iiNtloko zamaSebe ngeSetyhula 6 ka-2009 ukuba iKhabhinethi yePhondo inike imvume yokuba sikhe sihlalelwe kwakhona sijongisiswe ISikhokelo soMgaqo-nkqubo waMatheko okuPhela koNyaka ukuqinisekisa ukuba wenziwa ngokufanayo (standardisation) yaye uphunyezwa ngendlela eyonga imali kungabikho nkcitho kuRhulumente wePhondo leNtshona Koloni liphela ukususela ngoku.
7. Okubhalwe kwiSetyhula 6 ka-2009 kucatshulwe apha naphaya ukunenzela lula.
8. Kucelwa wazise bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho okubhalwe kule ngcaciso emfutshane.


ISAYINWE: NGU-P VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:18

ISetyhula 6  (ubukhulu: 752 KB)