IPhulo leeNtsuku eziyi-16 leNkcaso kwiMpatho-mbi: Phantsi ngoBundlobongela obujoliswe eBafazini liphulo leZizwe eziManyeneyo eliya kuqhuba ukususela nge-25 Novemba 2009 (uSuku lwaMazwe ngaMazwe lweNkcaso yoBundlobongela obujoliswe eBafazini) ukuya kutsho nge-10 Disemba 2009 (uSuku lwamaLungelo oLuntu lwaMazwe ngaMazwe) lokwazisa uluntu ngokubanzi ngendima edlalwa bubundlobongela ebafazini nasebantwaneni. Eli phulo liqhutywa qho ngonyaka kwaye lisebenza njengokuhlaba ikhwelo lokuphelisa nya zonke iintlobo zobundlobongela obujoliswe ebafazini, ebantwaneni kunye nasemadodeni.

IMIHLA EBALULEKILEYO EMAYIQATSHELWA NG ETHUBA LEPHULO LEENTSUKU EZIYI-16

25 Novemba 2009 - USuku lwaMazwe ngaMazwe lokuphelisa nya uBundlobongela obujoliswe eBafazini

Umxholo ka-2009 uthi "Musa ukuDukisa, Thatha iNyathelo uChase iMpatho-mbi". USuku lwaMazwe ngaMazwe lokupheliswa koBundlobongela obujoliswe eBafazini luqalisa ngephulo leeNtsuku eziyi-16 zokuChasa iMpatho-mbi. Luye lwaqatshelwa ngabafazi abangamatsha-ntliziyo alwela amalungelo abo njengosuku oluchasene nobundlobongela obujoliswe ebafazini (nasebantwaneni) ukususela ngo-1981. Lusuku lokukhumbula ukugwintwa ngolunya ngo-1960 koodade abathathu bakwaMirabal, ababengamatsha-ntliziyo ezopolitiko (political activists) eDominican Republic, okwenziwa ngemiyalelo yomlawuli weDominican uRafael Trujillo (1930-1961). Olu suku lujolise ngokukodwa ekuxhobiseni abafazi ukuba baphakame balwele amalungelo abo, kodwa kukwabhenelwa nasemadodeni ukuba adlale indima ebalulekileyo ekupheliseni nya ubundlobongela obujolise kwisini.

1 Disemba 2009 - USuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele

USuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele lumalunga nokwandisa ulwazi loluntu, ukufundisa uluntu kunye nokulwa ukuqala ugwebe (prejudice). Lukhumbuza abantu ukuba iHIV ayimkanga, kwaye zininzi izinto ekusafuneka ukuba zenziwe. Ngethuba lephulo loSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele abantu bayakhuthazwa ukuba banxibe iribhoni ebomvu ukuvuyela impilo yabantu abaphila ne-HIV kunye nokukhumbula abo babulewe yi-AIDS. Iribhoni ebomvu yisimboli evunywe ngamazwe ngamazwe yokufundisa uluntu nge-AIDS enxitywa ngabantu unyaka wonke, ngakumbi xa kusondele uSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele, ukubonisa inkathalo nokukhathazeka ngenxa ye-HIV ne-AIDS, nokukhumbuza abanye ngemfuneko yokunikwa kwabo inkxaso nokuzinikela kwabo. Uphando lwangoku lubonisa ukuba amaqela abantu abakubudala bale minyaka asengozini enkulu yokusuleleka yi-HIV/AIDS: amabhinqa angama-Afrika (abudala buyiminyaka eqala ku-20 - 34), amadoda angama-Afrika (abudala buyiminyaka eqala ku-25 - 49), kunye namadoda angaphezulu kweminyaka eyi-50 ubudala.

3 Disemba 2009 - USuku lwaMazwe ngaMazwe lwaBantu aBakhubazekileyo

Injongo yolu suku kukukhuthaza ukuqondwa kwemiba yokukhubazeka, amalungelo abantu abanokhubazeko kunye nokubandakanywa kwabantu abanokhubazeko kwiinkalo zonke zezopolitiko, ezentlalo, ezoqoqosho kunye nezenkcubeko zoluntu lwasekuhlaleni. Lunika ithuba kulowo nalowo mntu nakubahlali lokuba bathathe inxaxheba kwimisebenzi ejoliswe ekudaleni imeko ebandakanya wonke umntu (abantu abanokhubazeko). Njengangoku i-3.4% yabantu abaseNtshona Koloni iphila nokhubazeko.

10 Disemba 2009 - USuku lwamaLungelo oLuntu lwaMazwe ngaMazwe

Amalungelo oluntu ngamalungelo ayingxam ngokwasendalweni kubo bonke abantu, kungajongwanga nto yabuzwe, sini, mvelaphi ngokwelizwe okanye ngokohlanga, bala lakho, nkolo yakho, lulwimi lwakho, okanye nantoni na eyenye imeko. Sonke sinelungelo elilinganayo kumalungelo obuntu bethu angenalucalu-calulo. NgoSuku lwamaLungelo oLuntu lwaMazwe ngaMazwe kuvuyela usuku ekwathi ngalo kwamkelwa UkuBhengezwa kwamaLungelo oLuntu kwiHlabathi Jikelele (Universal Declaration of Human Rights) yiNgqungquthela kaWonke-wonke yeZizwe eziManyeneyo (General Assembly of the United Nations). Ngokuza kweNdebe yeHlabathi yeSoka ka-2010, kugxininiswa ngakumbi kwimiba ephathelele ekurhwebeni ngabantu (human trafficking issues). Njengangoku iNtshona Koloni isalungisa ukwenza isiCwangciso sokuKhusela aBantwana esiya kuncedisa ekukhuselweni nasekuthintelweni kokuthengiswa kwabantwana benziwe amahenyukazi.

Nangona iintsuku eziyi-16 zijolise kwithuba eliqalela kwi-25 Novemba ukuya kwi-10 Disemba, kufuneka siqalise ukujonga kungabi kuphela kwiphulo leentsuku eziyi-16 lokuchasa impatho-mbi, koko ibe liphulo leentsuku eziyi-365 ukuqinisekisa ukuba ulwazi lokwazisa uluntu malunga nobundlobongela obujoliswe kwisini luyakhuthazwa unyaka wonke yaye lufakwa kuzo zonke iiprogram zethu.

Sicela bonke abaqeshwa beSebe i-WCED ukuba bangenelele nabo bathathe inxaxheba ephambili ekuqapheleni ezi ntsuku ziyi-16 zokuchasa impatho-mbi yaye nabo benze indima yabo ekwaziseni uluntu ngokubanzi malunga nobundlobongela obujoliswe kwisini esithile nangemiba yamalungelo oluntu. Ngeli thuba sikhuthaza kwakhona ukuba bonke abaqeshwa (ngakumbi abangamadoda) ukuba bathathe inxaxheba yaye baxhase ngamandla izinto ezenziwayo neeprogram ezimalunga nokupheliswa kobundlobongela obujoliswe kwisini esithile.



ISAYINWE: NGU-S CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:19

IPhulo leeNtsuku eziyi-16 lokuChasa iMpatho-mbi  (ubukhulu: 42 KB)
IPhulo leeNtsuku eziyi-16 lokuChasa iMpatho-mbi: “AmaLungelo oLuntu oMntu Wonke – ngamaLungelo oLuntu aBafazi”  (ubukhulu: 18 KB)
IPhulo leeNtsuku eziyi-16 lokuChasa iMpatho-mbi: Ukukhuthaza aMadoda ukuba abe neNkathalo  (ubukhulu: 16 KB)