1. |
IProgram engeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Health and Wellness Programme (EHWP)) yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ibhiyozela unyaka wayo wesihlanu inika inkxaso nengcebiso kubaqeshwa abafumana ubunzima ekubeni bajongane nemingeni yobomi. Le program inika ingcebiso ngemibandela emininzi, ekukho phakathi kwayo, ukunikwa ingcebiso malunga noxinzelelo (stress), ingcebiso ngezemali, ngemiba yezobudlelwane, ngokusebenzisa gwenxa utywala, ngemiba yezempilo neHIV ne-AIDS, ngokuswelekelwa nokuthomalaliswa umothuko omkhulu (trauma counselling). |
2. |
Ezi nkonzo zinikwa abaqeshwa nabaphathi kwaye zijolise kwiintlobo ngeentlobo zongenelelo ngoncedo. |
3. |
Ukunikwa inkxaso nengcebiso kwenziwa ngumboneleli-nkonzo wangaphandle ozimeleyo, ofikelelekayo ngeelwimi ezininzi ngokusebenzisa ifoni nangokuthetha naye ubuso ngobuso, anike ingcebiso athomalalise nomothuko omkhulu. Le nkonzo yokunikwa inkxaso eyimfihlo (confidential service support) yenziwa ziisayikholojisti noonontlalontle abaqeqeshiweyo nabanamava abafumaneka iiyure ezingama-24 ngosuku. |
5. |
Ukuba kukho imfuneko yeseshoni yokwazisa ngale nkonzo (engathatha imizuzu engama-45) ofuna ize kwenziwa kwiziko okanye kwi-ofisi yakho, kucelwa uqhagamshelane noNokwanda Zamxaka apha 021 467 2571 ukwenzela ukuba kwenziwe amalungiselelo afunekayo. |
ISAYINWE: NGU-S CYSTER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:03
|