1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyazi ngokubaluleka kokunika abasebenzi balo iingcebiso eziyimfuneko nokubanika inkxaso yokuba balandele indlela yokuphila ebagcina bekwentle yona impilo. Ngenxa yoku, iSebe iWCED liqalise iProgram yeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Health and Wellness Programme) yokunika abasebenzi uncedo xa kufuneka bejongene nemingeni yobomi neentlekele zobomi. Le program igxininisa imfuneko yokuqulela ingxaki ingekehli (proactive) ukwenzela ukuba uhlale ugcine impilo yakho intle kwaye ulandele indlela yokuba uhlale ukwentle impilo.
2. ISebe iWCED lenze amalungiselelo eprogram yoSuku lweMpilo Qete yabo bonke abasebenzi beSithili seMfundo sase-West Coast. Oku kuya kuqhubeka ngoLwesine we-12 Februwari 2009 ukususela ngo-14:00 - 16:00 e-Huguenot Community Hall e-Paarl.
3. Kuya kubonelelwa, phakathi kwezinye izinto, ngezi nkonzo zamahala zilandelayo:
  • Ukwaziswa ngeenkonzo zofumana iingcebiso (awareness of counselling services)
  • Ukwaziswa ngesifo iThibhi (TB awareness)
  • Ukwaziswa nge-HIV/AIDS
  • Ukwaziswa ngosetyenziso gwenxa lweziyobisi (substance abuse awareness)
  • Ukutshekishwa ikholesteroli (Cholesterol check)
  • Ukutshekishwa uxinzelelo lwegazi (Hypertension)
  • Ukwaziswa ngokuxilongwa incindi yesibeleko (Pap smear information)
  • Ukwaziswa ngokuxilongelwa umhlaza webele (Breast cancer information)
  • Iingcebiso ngokondla umzimba
  • Itheraphi yokumasajwa ngokupheleleyo (holistic massage therapy)
  • Ukunyamekelwa kweenzipho nezandla (nail and hand care)
  • Iibhegi ezizele zizipho ezithandekayo (goodie bags)
4. Iya kuthakazelelwa kakhulu into yokuba abaphathi babasebenzi bangenza amalungiselelo okuba bonke abasebenzi baye kwezi nkonzo zamahala, lo gama beqinisekisa ukuba zonke iinkonzo ezibalulekileyo ziqhubeka ngaphandle kokuphazamiseka.
5. Kucelwa wazise bonke abasebenzi abaqeshwe liSebe iWCED abakwisithili semfundo sase-West Coast okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- S. CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:01:26

Isihlomelo  (ubukhulu: 96 KB)