1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linenjongo yokudala umoya wendawo ekusetyenzelwa kuyo oya kuqinisekisa amathuba engqesho alinganayo kubo bonke abasebenzi bethu abakhoyo ngoku nabexesha elizayo.
2. ISiqendu 25 soMthetho woBulungisa kwezeNgqesho ka-1998 (Section 25 of the Employment Equity Act of 1998) sifuna ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni, njengomqeshi, libonise uMthetho woBulungisa kwezeNgqesho kwindawo yomsebenzi apho unokufundwa khona ngabaqeshwa.
3. Ukungaphumeleli ukukuthobela oku kumiselwe apha ngasentla kuya kukhokelela ekukhutshweni komyalelo wokungathobeli noya kukhutshelwa umqeshi.
4. Ngako oko ke kucelwa zonke ii-ofisi namaziko emfundo eSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba axhome le phowusta iqhotyoshelweyo, eshwankathela uMthetho woBulungisa kwezeNgqesho, kwindawo esekuhleni apho iya kubonakala kubo bonke abaqeshwa.
5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-S CYSTER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:04


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).