1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyakuqonda ukubaluleka kokunika abaqeshwa balo ingcebiso nenkxaso eyimfuneko ukuze bakhethe ukuphila impilo entle. IProgram engeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Health and Wellness Programme) yeli Sebe inika abaqeshwa uncedo lokujongana nemingeni yobomi enokuba neziphumo ezibi ekwenzeni umsebenzi wabo.
2. Usetyenziso gwenxa lwezinto eziyobisayo (substance abuse), ngokukodwa usetyenziso gwenxa lweziyobisi, luyakhula eNtshona Koloni kwaye oku kuchaphazela abaqeshwa bethu kancinane okanye kakhulu.
3. Nantso iflaya (flyer) eqhotyoshelwe apha oyithunyelelwayo enengcaciso eluncedo emalunga nokunceda umntu onengxaki yeziyobisi.
4. I-EWP isoloko ikho ilungele ukunika inkxaso neengcebiso ezifumaneka mahala. Yenza oku nje wena, fonela kule nombolo yamahala 0800 20 44 81 ekusa ngqo kuyo. Le nkonzo inikwa ngumboneleli-nkonzo ozimeleyo, onika ingcebiso yobungcali esebenzisa iisayikholojisti ezijongene nezigulo (clinical psychologists) nabasebenzi abajongene nezigulo (clinical social workers).

ISAYINWE: NGU-S CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:10:15

iflaya  (ubukhulu: 142 KB)