1. NgokweSikhokelo sePhondo seHIV neAIDS emSebenzini (Provincial Framework on HIV and AIDS in the Workplace), isebe ngalinye kufuneka liqeqeshe umqeshwa abe mnye ngabaqeshwa abangama-50 njengomntu oza kufundisa oontanga bakhe (peer educator).
2. Indima nomsebenzi womntu oza kufundisa oontanga bakhe (a) kukwazisa nge-HIV ne-AIDS ngendlela elula (at an informal level), (b) kukudlulisela abaqeshwa kumaziko okunika inkxaso afanelekileyo; yaye (c) kukwazisa ngeProgram yeMpilo qethe yaBaqeshwa kwabo asebenza kunye nabo.
3. Ukuqeqeshwa komntu oza kufundisa oontanga bakhe kuya kunika ithuba abo baqeshwa banqwenela ukuthatha inxaxheba ngokuthi bancedise ekulweni ubhubhane oyi-HIV. Umzekelo womntu oza kufundisa oontanga bakhe kufuneka abe ngumntu onobuchule bokuba ngumphulaphuli onenyameko ongakhethi cala, onomnqweno wokunceda abaqeshwa asebenza kunye nabo kwaye abe ngumntu onokuthenjwa okwaziyo ukugcina ingcaciso eyimfihlo.
4. Iinkcukacha zekhosi yoqeqesho lweentsuku ezi-3 yabantu abaza kufundisa oontanga babo zimi ngolu hlobo lulandelayo:

Imihla: 6, 7 nowe-8 Julayi 2009
Ixesha: 08:00 - 16:00 usuku ngalunye
Indawo: Kromme Rhee, Stellenbosch

5. Kuya kusivuyisa kakhulu ukuba unokutyumba abaqeshwa kulo naliphi na inqanaba abanqwenela ukuba ngabantu abaza kufundisa oontanga babo. Kucelwa uqaphele ukuba iseshoni yoqeqesho yenzelwe abasebenzi bakarhulumente abasezi-ofisini kuphela.
6. Kuqhotyoshelwe apha ifom yokwenza isicelo somntu oza kufundisa oontanga bakhe ukuba izaliswe ngumtyunjwa ngamnye nomphathi wecandelo lakhe. Ifom ezalisiweyo mayithunyelwe ngefeksi, ukuba iqwalaselwe nguNokwanda Zamxaka, kule nombolo yefeksi 086 549 0004 ungadlulanga owe-26 Juni 2009. Qaphela ukuba ukuzaliswa kwefom yesicelo akuniki ngqiniseko yokwamkelwa kwikhosi yoqeqesho.
7. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho ekwenzeni olu qeqesho lube yimpumelelo.


ISAYINWE: NGU-M CRONJé
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:22

Peer educator application form  (ubukhulu: 74 KB)