1. Iimfuno ezitshintsha-tshintsha qho nezandayo kwimfundo yasesikolweni zibeka uxinzelelo olwandayo kubasebenzi abangoomabhalane bezikolo zethu. Ukulandela osele kusenziwa ngamazwe ngamazwe neyona ndlela ibhetele yokwenziwa komsebenzi, kufuneka sincede oomabhalane ukuba babe ngabalawuli bezikolo abaqeqeshiweyo ekwenzeni umsebenzi wabo (professional school administrators). Oku akusayi kuphuhlisa nje kuphela aba baqeshwa baxabiseke kangaka, koko kuya kukhulula kwakhona ii-SMT ukuba zichithe ixesha elininzi kowona msebenzi uphambili wazo, okukufundisa ngempumelelo.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) livelise ikhosi esiSatifikethi soLawulo lweMicimbi yeSikolo (Certificate in School Business Administration) (CSBA)) kwiNqanaba 4 le-NQF esilungiselelwe oomabhalane abasezikolweni. Eyona njongo ephambili yesi siqinisekiso kukudala amathuba afanelekileyo okuphuhlisa abasebenzi abangoomabhalane abazimiseleyo ekukhuleni nakuphuhliso lwezakhono zabo buqu. Le program ijolise ekuxhobiseni abathathi-nxaxheba ngolwazi nobuchule, nto ezo eziyimfuneko ekufakeni igalelo elililo ekulawulweni ngempumelelo kwemisebenzi nezibonelelo (resources) zesikolo.
3. Abenzi-sicelo mabaqaphele ezi zinto zilandelayo:
3.1 Kukho kuphela iibhasari eziyi-300 ezifumanekayo zale khosi ngo-2010. Abenzi-sicelo baya kukhethwa kwizithili zasemaphandleni nezasezidolophini.;
3.2 Kufuneka ube uqeshwe ngokusisigxina liSebe i-WCED;
3.3 Inqanaba lokungena kule program siSatifikethi seBakala 10, umntu abe upase iMathematika okanye uLwazi lweMathematika okanye i-Akhawuntingi okanye i-Business Economics. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kuvavanywa ngokweziqinisekiso zabo abanazo ngoku kunye nangolwazi abasele benalo;
3.4 Kufuneka ube uyakwazi ukufunda, ukubhala nokuthetha isiNgesi nolwimi olunye ubuncinane olungolunye kwezaseburhulumenteni eMzantsi Afrika. Qaphela ukuba le khosi iya kufundiswa ngesiNgesi kuphela, izifundo nezinto zokufunda zayo nazo ziya kuba ngaso;
3.5 Kufuneka ube uyakwazi ukufikelela kwikhompyutha enoqhagamshelwano lwe-Intanethi njengoko le program ixhaswa ngokufundisa okwenziwa ngekhompyutha (online learning interface);
3.6 Kufuneka ube uyakwazi ukusebenzisa ikhompyutha, o.k.t. unalo ulwazi lwabasaqalayo lwe-word processing, i-spreadsheets, ne-imeyili, kwakunye nokusebenzisa iinkqubo ezinjenge-MS Word, Excel, no-Outlook. Ulwazi lokusebenzisa inkqubo i-presentation application, enjenge-PowerPoint, luya kukuthethelela kakhulu;
3.7 Kufuneka ube unamava okwenene olwazi lolawulo lwe-ofisi nolwemali;
3.8 Mawungabi ngumntu osebhalise kwezinye iikhosi, okanye osele efumana ibhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari;
3.9 Abathathi-nxaxheba kwikhosi baya kulindeleka ukuba baye ezikholejini ukuya kwizifundo zokufundiswa (for lectures);
3.10 Ubude bale program ziinyanga ezili-12.
4. Le khosi iya kwahlulwa-hlulwa ibe ziimodyuli, apho imodyuli nganye ineentsuku ± 2 zezifundo zokufundiswa (lectures) ezilandelwa ziiveki ± 3 zokuzifundela ngokwesantya sakho.
5. Isicelo ngasinye sekhosi nesebhasari masibe nala maxwebhu alandelayo:
  • Ifom ezalisiweyo yokwenza isicelo sokwamkelwa kwikhosi nesebhasari yokufunda (isiHlomelo A);
  • Ifom ekuthethelelayo (recommendation form), ezaliswe yaza yasayinwa yinqununu okanye yisuphavayiza (isiHlomelo B);
  • Iikopi eziqinisekisiweyo zesazisi, zeSatifikethi seMatriki okanye zeSatifikethi seBanga lesiBhozo (Junior Certificate), nesatifikethi semfundo kunye/okanye soqeqeshelo-msebenzi (nezatifikethi zemfundo kunye/okanye zoqeqeshelo-msebenzi)
6. Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo ungadlulanga owe-9 Disemba 2009:
Head: Education
(For Attention: Ms Mandy van Wyk)
Directorate: Internal Human Capital Development
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000

Izicelo zinokufakwa kwibhokisi ephawulwe Directorate: Internal Human Capital Development ekwifoya ekumnyango omkhulu wokungena kwisakhiwo sakwaNdlunkulu weSebe i-WCED e-Grand Central Towers, eKapa.

7. Iifom zokwenza isicelo seziqhotyoshelwe apha kule ngcaciso imfutshane njengeziHlomelo A no-B. Iikopi zezi fom zikwafumaneka kweyona ofisi yesithili semfundo ikufuphi kuwe okanye kwiCandelo laBenzelwa iiNkonzo leSebe i-WCED (WCED's Client Services), elikumgangatho wesibini wesakhiwo i-Grand Central Towers, eKapa.
8. Kucelwa uqaphele ukuba:
  • akukho zicelo zifike kade, ezingenazo zonke iinkcukacha okanye ezingafundekiyo ziya kuqwalaselwa;
  • kuphela ziikopi eziqinisekisiweyo zamaxwebhu ayimfuneko eziya kwamkelwa;
  • akukho zicelo zithunyelwa ngefeksi ziya kwamkelwa; kwaye ;
  • iSebe i-WCED aliyi kungena kuyo nayiphi na imbalelwano emalunga nezicelo ezifike kade okanye ezinengcaciso eshiyelelweyo
9. IKomiti yoKhetho (Selection Committee) iya kuqwalasela zonke izicelo ize izibeke ngokweemfuno, ize emva koko inike izizathu ezithethelela (recommendations) ukunikwa kweebhasari.
10. Abafundi baya kukhethwa kuzo zonke izithili zemfundo yaye baya kufakwa kwikholeji ekweso sithili somfundii.
11. Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo kuya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano emiselwe ngokusemthethweni neSebe i-WCED yokunika inkonzo yonyaka ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari, nokuthobela eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano. Ukusayinwa kwale mvumelwano kuyimfuneko ephambili nenyanzelekileyo (mandatory prerequisite) yaye sisibhambathiso esifanayo kuyo nayiphi na ibhasari enikwa abaqeshwa beSebe i-WCED.
12. I-CSBA lithuba eliqaqambileyo lokuziphucula wena buqu, kodwa oko kuya kufuna ukusebenza nzima, ukuzinikela nokwazi ukuzeyisa (self-discipline) kwabafundi. Abenzi-sicelo mabaqaphele ukuba le khosi yesatifikethi ayithethi ukuba kuya kubakho nayiphi na intlawulo yemali eyimbuyiselo eya kunikwa abafundi bakuba beyigqibe ngempumelelo.
13. Umenzi-sicelo ongafumananga mpendulo kwade kwange-1 Februwari 2010 makacingele ukuba isicelo sakhe asiphumelelanga.
14. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.

ISAYINWE: NGU-ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:10

Annexure A  (ubukhulu: 72 KB)
Annexure B  (ubukhulu: 68 KB)