1. IsiHlomelo A esifakwe ingcaciso yakutshanje siqothoshelwe kule ngcaciso imfutshane yaye sithatha ndawo yesiHlomelo A esihamba kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lwaBasebenzi lwaNgaphakathi 0006/2009.
2. Esi siHlomelo A sifakwe ingcaciso yakutshanje sineeprogram eziye zongezwa kunye neemfuno ezintsha zokungenela iiprogram (new entrance requirements).
3. Bayacelwa abenzi-sicelo ukuba bancede baziqhelanise nezi neemfuno zintsha zokungenela iprogram nganye phambi kokuba bazalise ifom yokwenza isicelo eqhotyoshelwe kwiNgcaciso iMfutshane yeCandelo loPhuhliso lwaBasebenzi lwaNgaphakathi 0006/2009.
4. Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezicelo nguLwesibini, we-27 Oktobha 2009.
5. Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala.


ISAYINWE: NGU-ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:10:12

"Annexure A: 2010 Bursaries available for Advanced Certificate in Education (ACE)"  (ubukhulu: 51 KB)