1. I-Cape Teaching & Leadership Institute (CTLI) iya kuba isenza iikhosi ezidweliswe kwiziHlomelo A, B, C no-D izenzela iinqununu zezikolo nootitshala ngethuba loluqhubeka kweekota zesikolo nangeeholide zesikolo ngo-2010.
2. Abantu abanomdla wokuya kwezi khosi bacetyiswa ukuba babhalise, kodwa baqale badlule kwii-ofisi zezithili zemfundo zabo. (Funda isiHlomelo E senkqubo yokubhalisa.)
3. Kuya kuqeshwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni ootitshala ababambele abanye (substitute teachers) endaweni yootitshala abaya kwezi khosi ukuba

  • akukho titshala ungaphaya kweemfuno zesikolo (in excess) esikolweni;
  • utitshala lowo ubambele omnye akangotitshala ohlawulwa libhunga lolawulo lesikolo;
  • utitshala lowo ubambele omnye akasele ebambele omnye utitshala.
4. Ukufunyanwa nokutyunjwa komntu wokubambela omnye luxanduva lwesikolo esithumela utitshala ekhosini.
5. Iikhosi ziyaphindwa amatyeli aliqela ekuhambeni konyaka ukwenzela ukuba babe baninzi ootitshala abakwazi ukuya kuzo.
6. Kuphela ngootitshala abangama-56 abanokubhalisela ikhosi nganye ngexesha. Aba titshala baya kuthathwa kuzo zonke zosi-8 izithili zemfundo. Oku kuthetha ukuba linani eliqingqiweyo kuphela lootitshala abanako ukuya kule khosi eqhutywayo ngelo thuba lithile.
7. Iikhosi zithatha iiveki ezine ezahlulwe zaziibloko ezimbini ukunika ithuba ootitshala lokuba babuyele esikolweni baye kusebenzise uqeqesho lwabo abalufumeneyo.
7.1 Utitshala makaye kuBloko 1 noBloko 2 wekhosi ethile ukwenzela ukuba akwazi ukuyigqiba ikhosi. Umzekelo: Ukuba utitshala ukhetha ukuya kwiKhosi 2 engoLwazi lokuBala kwiSigaba seSiseko (Course 2 on Foundation Phase Numeracy), loo titshala makaye kuBloko 1 wekhosi, ukusuka nge-15 Februwari ukuya kwi-26 Februwari 2010, aze aphinde abuye aze kugqibezela ikhosi ngokuya kuBloko 2, ukuqala nge-26 Julayi ukuya kwi-6 Agasti 2010.
7.2 Ukutshintsha-tshintsha phakathi kweebloko ezahlukeneyo akuyi kuvunyelwa.
7.3 Kufuneka ke ngoko ootitshala bakhethe iikhosi eziya kuqhubeka ngamaxesha apho baya kufumaneka khona ukuya kwikhosi epheleleyo.
8. Uluhlu lwabatyunjiweyo (nominations) kwizithili zemfundo ukuba baye kwiikhosi eziya kwenziwa kwikota yokuqala ka-2010 malufike kwi-CTLI phambi kwe-20 Novemba 2009.
9. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nala magosa alandelayo:

Nobantu Pasiya ifoni 021 900 5022 OKANYE npasiya@pgwc.gov.za
André Lamprecht ifoni 021 900 5020 OKANYE alamprec@pgwc.gov.za
Magdalena Benn ifoni 021 900 5016 OKANYE mabenn@pgwc.gov.za
Keith Scheepers ifoni 021 900 5001 OKANYE kscheepe@pgwc.gov.za
Suzette Manuel ifoni 021 900 5018 OKANYE smanuel@pgwc.gov.za
10. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:30

isiHlomelo A: "Foundation Phase Programme Courses"  (ubukhulu: 10 KB)
isiHlomelo B: "Intermediate Phase Programme Courses  (ubukhulu: 10 KB)
isiHlomelo C: "Senior Phase Programme Courses  (ubukhulu: 8 KB)
isiHlomelo D: "School Management Programme Courses  (ubukhulu: 8 KB)
isiHlomelo E: "CTLI Co-ordinators in the Districts"  (ubukhulu: 14 KB)