1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linovuyo ukwazisa ukuba kukho imali eluhlobo lweebhasari eya kufumaneka kootitshala abanqwenela ukufunda bafumane i-Advanced Certificate in Education (ACE).
2. Aba bantu balandelayo bangasenza isicelo:

  • Ootitshala abaqeshwe isigxina liSebe i-WCED;
  • Ootitshala abaneziqinisekiso ubuncinane ezibabeka kwi-REQV 13 (M + 3);
  • Ootitshala abazifezekisayo iimfuno ezingummiselo wokwamkelwa kwiyunivesithi echaphazelekayo (Funda iSihlomelo A);
  • Ootitshala abangenayo enye ibhasari karhulumente okanye nayiphi enye ibhasari.
3. Injongo yezi khosi kukuphucula iziqinisekiso zootitshala, ulwazi neenkqubo zokuqeqeshelwa ukwenza umsebenzi kwizifundo ezifundiswayo.
4. Ezi khosi ze-ACE ziya kwenziwa emva kweeyure zomsebenzi ithuba leminyaka emibini (ukususela ngoJanuwari 2010 ukuya kuDisemba 2011). Ikhosi nganye iya kukhokelela ekufumaneni isiqinisekiso seNqanaba 6 seNQF ibandakanye ukufunda ngembalelwano, kwakunye neeseshoni zokufundiswa eklasini phakathi evekini, ngeempela-veki nangeeholide (Funda iSihlomelo A).
5. Ibhasari nganye iya kuhlawulela ukubhalisa neefizi zokufunda yaye iya kuhlawulwa kwii-akhawunti zeebhanki zamaziko emfundo ephakamileyo achaphazelekayo.
6. Ngootitshala abasuka emaphandleni kuphela abaya kubonelelwa ngendawo yokulala, elungiselelwa yiyunivesithi ekungenwe kwimvumelwano nayo okanye liSebe i-WCED.
7. Apho kusebenzayo oku, iindleko zothutho zokuya nokubuya kwindawo yoqeqesho ziya kuhlawulwa liSebe i-WCED, ngokuxhomekeka ekubeni ootitshala abasuka kwidolophu enye okanye esikolweni esinye bahamba ngesithuthi esinye (share transport).
8. Luxanduva lootitshala ukuzihlawulela iindleko zeencwadi zabo nezinto zokuncedisa ukufunda, apho kusebenzayo oku.
9. Bayacelwa ootitshala abanqwenela ukuqwalaselelwa ukufumana ibhasari yokwenza le khosi ukuba bazalise iziHlomelo B no-C baze bazingenise kwiSebe leMfundo, kodwa ziqale zigqithe kwiinqununu zezikolo zabo. Izicelo mazifike kule dilesi ilandelayo ungadlulanga uLwesihlanu, we-16 Oktobha 2009:

  The Head: Education
For attention: Mesdames FM Kearns / S Lendore (Room 23-05)
Directorate: Internal Human Capital Development
Western Cape Education Department
Sanlam Building
Golden Acre Office Towers
Private Bag X9114
Cape Town
8000
10. Izicelo zingafakwa kwakhona kwibhokisi ephawulwe "Directorate: Internal Human Capital Development" kwifoya yomnyango omkhulu ongena kwaNdlunkulu weSebe i-WCED e-Grand Central Towers, Cape Town.
11. Kuqhotyoshelwe kule ngcaciso emfutshane iifom zesicelo nezeemvumelwano. Iikopi zezi fom ziyafumaneka kwakhona kwicandelo laBenzelwa iiNkonzo leSebe i-WCED kumgangatho wesibini e-Grand Central Towers, Cape Town.
12. Kucelwa uqaphele ukuba:

  • akukho zicelo zifike selidlule ixesha, ezingafakwanga zonke iinkcukacha okanye engabonakaliyo into ebhalwe kuzo ziya kuqwalaselwa; kwaye;
  • akukho zicelo zithunyelwa ngefeksi ziya kwamkelwa.
13. Izicelo ezifike emva komhla wokuvala aziyi kuqwalaselwa.
14. QAPHELA:

  • Igama lekhosi ye-ACE neyunivesithi oyikhethileyo mazibhalwe ngokucace gca kwifom yesicelo;
  • Abenzi-sicelo kufuneka kwakhona banike oko bakukhethayo okwesibini (second choice) kwi-ACE neyunivesithi kwisiHlomelo B;
  • Iikopi eziqinisekisiweyo zesatifikethi sakho sematriki, isiqinisekiso semfundo kunye/okanye iziqinisekiso zoqeqesho ne-ID mazingeniswe kunye nesicelo sakho;
  • Ukuba wenza isicelo sebhasari engaphezu kwenye, makungeniswe izicelo ezahlukeneyo.
15. IKomiti yeBhasari iya kuqwalasela ize ibeke phambili zonke izicelo, ize emva koko inike ingcebiso (make recommendations) malunga nokunikwa iibhasari.
16. Kuya kulindeleka ukuba ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo angene kwimvumelwano ngokusesikweni neSebe i-WCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye wokufumana kwakhe ibhasari, nokulandela ngqo eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.
17. Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala.


ISAYINWE: NGU-G DE BRUYN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:28

"Annexure A: 2010 Bursaries available for Advanced Certificate in Education (ACE)"  (ubukhulu: 45 KB)
Isihlomelo B: I-Advanced Certificate in Education (ACE)  (ubukhulu: 70 KB)
"Annexure C: Agreement on Payment of Tuition Fees from State Fund"  (ubukhulu: 22 KB)