1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linovuyo ukwazisa ukuba kukho inani elithile leebhasari ezifumanekayo kubafundi bezikolo nakubantu basekuhlaleni abanqwenela ukulandela ubizo lobutitshala nabanenjongo yokubhalisa kwiziko lemfundo ephakamileyo ukulungiselela unyaka wokufunda ka-2010.
2. Aba bantu balandelayo bafanelekile ukuba baqwalaselwe:
  • Abafundi beBakala 12 besikolo okanye abantu basekuhlaleni abazanelisayo iimfuno ezingummiselo zokwamkelwa kwiyunivesithi abayikhethayo;
  • Abafundi beBakala 12 besikolo okanye abantu basekuhlaleni abangafumani enye ibhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari.
3. Le bhasari iya kuhlawula iifizi zobhaliso, ukufundiswa, iincwadi zezifundo (textbooks), iincwadi nezinto zokufunda nendawo yokulala kwindawo ekuhlala kuyo abafundi.
4. Umhla ezilindeleke ukuba zibe zingenile ngawo izicelo zabo bonke abenzi-sicelo nguLwesithathu, we-30 Septemba 2009 yaye izicelo mazithunyelwe kulo:
Dr FJ Wessels (Room 23-06)
Directorate: Internal Human Capital Development
Western Cape Education Department
Private Bag X9114

Cape Town
8000;

Izicelo zinokufakwa kwakhona kwibhokisi yeposi, ebhalwe "Pre-Service Bursaries, Directorate: Internal Human Capital Development" kwifoya yomnyango omkhulu wokungena kwaNdlunkulu we-Sebe iWCED e-Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town.

5. Iifom zezicelo ziqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane. Iikopi zezi fom ziyafumaneka kwakhona kwicandelo laBenzelwa iiNkonzo leSebe iWCED kumgangatho wesibini weGrand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town.
6. Uyacelwa uqaphele oku kulandelayo ngokumalunga nezicelo:
  • Igama lekhosi leyo ichaphazelekayo, umz. B Ed (Foundation Phase okanye Intermediate Phase), nezifundo eziphambili, kwimeko yeSigaba saBadala (Senior Phase) (amaBakala 7-9) ne-FET (amaBakala 10-12), malicaciswe gca;
  • Ukuba umenzi-sicelo unqwenela ukwenza iBachelor of Arts (B A), i-Bachelor of Commerce (B Com), i-Bachelor of Science (B Sc), okanye esinye isidanga sokuqala esifanelekileyo, kufuneka kwakhona abhalisele i-Postgraduate Certificate in Education (PGCE) ukuze afaneleke ukufumana ibhasari;
  • Igama leyunivesithi ayikhethayo umfundi malibhalwe ngokucacileyo kwifom yesicelo;
  • Iikopi ezingqinisisiweyo zala maxwebhu alandelayo mazingeniswe nesicelo:
    • Iziphumo zomenzi-sicelo zesiqingatha sonyaka, kwimeko yabafundi beBakala 12 okanye zabafundi abasele beseyunivesithi;
    • Isatifikethi sematriki somenzi-sicelo, kunye/okanye (nesiqinisekiso semfundo (neziqinisekiso zemfundo) ephakamileyo, ukuba unaso isiqinisekiso semfundo ephakamileyo;
    • Isazisi somenzi-sicelo;
  • Izicelo ezingabhalwanga zonke iinkcukacha, engabonakaliyo into ebhalwe kuzo okanye ezithunyelwa ngefeksi azisayi kuqwalaselwa;
  • Izicelo ezifike emva komhla obekiweyo azisayi kuqwalaselwa.
7. IKomiti yeBhasari iya kuthi, emva kokuqwalasela ngononophelo zonke izicelo, inike izizathu ezithethelelayo zokunikwa kwebhasari abenzi-sicelo abaphumeleleyo.
8. Umenzi-sicelo ngamnye ophumeleleyo kuya kufuneka angene kwimvumelwano esemthethweni neSebe iWCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye anikwe ngawo ibhasari, nokuthobela eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.
9. Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala nabafundi.

ISAYINWE: NGU-ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:23

"Application for financial assistance for teacher training"  (ubukhulu: 73 KB)
"Memorandum of agreement for financial assistance"  (ubukhulu: 47 KB)
"Deed of surityship"  (ubukhulu: 32 KB)