1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) Iikuxabisile ukuzimisela kwabasebenzi bethu benkonzo karhulumente ekwandiseni ulwazi lwabo ngemiba ekwimfundo nasekuphuhliseni izakhono zabo.
2. I-WCED ikulungele ukuncedisa abasebenzi ngemali ukuba baqhubele phambili ngezifundo zabo kwaye icela abasebenzi abanqwenela ukwenza izifundo ngokungesosigxina (part-time studies) ngo-2010 ukuba benze izicelo zeebhasari.
3. Ukukhutshwa kwebhasari kuya kwenziwa phantsi kwale migqaliselo ilandelayo:
  • Abenzi-sicelo mababe ngabasebenzi abaqeshwe ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente (Public Service Act) (103/1994) yaye babe kwinkonzo ye-WCED;
  • Abenzi-sicelo mababe baqeshwe ngokusisigxina yi-WCED;
  • Mabayifezekise imiqathango yokwamkelwa eyimfuneko yeziko lemfundo elichaphazelekayo;
  • Mabazimisele ekwenzeni izifundo ngokungesosigxina ngo-2010
  • Mabangabi ngabafumana ibhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari; yaye
  • Mababe ngabemi baseMzantsi Afrika.
4. Zonke izicelo ziya kuphononongwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

  • Ukufaneleka kwenkalo yezifundo leyo kujoliswe kuyo ngokunxulumene neemfuno ze-WCED ngoku nakwixa elizayo
  • Imfuno yecandelo elichaphazelekayo yezakhono ezithile okanye ezinqabileyo
  • Ubulungisa kwezengqesho (ngokohlanga, isini, ukhubazeko)
  • Iindawo zasemaphandleni xa kuthelekiswa nezasezidolophini
  • Ukufaneleka kwenkcazo yomsebenzi othile
  • Ukufaneleka malunga nokuphucula izakhono zokusebenza
  • Ezinye iziqinisekiso zemfundo
  • Amanqanaba omvuzo
  • Izifundo zasemva kwesidanga sokuqala xa kuthelekiswa nezifundo zesidanga sokuqala
  • Ingcebiso yesuphavayiza, emayiqhotyoshelwe kwisicelo
  • Ukufumaneka kwemali
  • Iimfuno zoMthetho woBulungisa kwezeNgqesho (Employment Equity Act) (55/1998), zoMthetho woPhuhliso lweZakhono (Skills Development Act) (97/1998) neminye imithetho efanelekileyo.
5. Ngasinye isicelo sebhasari masihambe nala maxwebhu alandelayo:

  • Ifom ezalisiweyo yeSicelo seBhasari yokuFunda (Ikopi yefom eqhotyoshelweyo)
  • Iindleko zokufunda eziqikelelwayo nemazibhalwe (ezobhaliso, izifundo nezinye iindleko ezinxulumene nokufunda) zonyaka wezifundo ka-2010. Le ngcaciso iyafumaneka kumaziko emfundo ephakamileyo.
  • Ingcebiso yesuphavayiza ebhalwe kwikopi yefom eqhotyoshelweyo isiHlomelo A
6. Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo phambi okanye ungadlulanga owe-14 Agasti 2009:

Head: Education
(For Attention: Mr AM Shasha /Mrs NP Funani)
Directorate: Internal Human Capital Development
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000

7. Izicelo zingafakwa kwakhona kwibhokisi yeposi ebhalwe "Public Service Staff" kwifoya yakwaNdlunkulu eGrand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town.
8. Akukho zicelo zifike emva kwexesha elisikiweyo, zingabhalwanga zonke iinkcukacha, zithunyelwe ngefeksi okanye ingabonakaliyo into ebhalwe kuzo ziya kuqwalaselwa.
9. IKomiti yeBhasari iya kuqwalasela zonke izicelo ize izibeke ngokwezinto ezifuneka kuqala (prioritise), emva koko yenze iingcebiso zokukhutshwa kweebhasari. Imali eyabelwe ibhasari ayisayi kuba ngaphezu kweefizi zobhaliso nezokufundiswa, kodwa oku akuthethi kuthi ziza kuhlawulwa zonke ezi ndleko. Inani leebhasari elikhutshwayo liya kuxhomekeka kwinani lezicelo ezifunyenweyo nakwimali efumanekayo.
10. NgaBaphathi aBakhulu be-WCED abaya kunika imvume yokugqibela ngenani leebhasari eziya kunikwa.
11. Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano esemthethweni ne-WCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari, nokuthobela eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.
12. Imbalelwano iya kuthunyelwa kuphela kubenzi-sicelo abaphumeleleyo. Ukuba akwenziwanga luqhagamshelwano nawe kwiiveki ezintandathu (6) emva komhla wokuvala, kuthathe oko njengokubonisa ukuba isicelo sakho asiphumelelanga.
13. Kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nabantu abakhankanywe ekuqaleni kule ngcaciso imfutshane ukuba ufuna nayiphi na ingcaciso engaphezulu ngeskim sebhasari.
14. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba bonke abasebenzi beNkonzo kaRhulumente abakwicandelo lakho bayakwazi okubhalwe kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:18

"Application Form for Study Bursary"  (ubukhulu: 31 KB)
Isihlomelo A: IINGCEBISO ZESUPHAVAYIZA UKULUNGISELELA IBHASARI YOKUFUNDA NGOKUNGESOSIGXINA KU-2010  (ubukhulu: 44 KB)