1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likuxabisile ukuzinikela kootitshala bethu ekwandiseni ulwazi lwabo kwizinto zemfundo eziqhubekayo ngoku nasekuphuhliseni izakhono zabo zokufundisa.
2. ISebe i-WCED liya kuncedisa ootitshala ngemali yokufunda ngokungesosigxina ukuba bafundele isidanga esilandela esokuqala, i-B Ed Hons, balandele nayiphi na inkalo yokufunda yezemfundo ethile.
3. Bayacelwa ootitshala abasele bebhalisele unyaka wezifundo ka-2009 ukuba bafake isicelo soncedo lwemali lohlobo oluyibhasari ukwenzela ithuba lonyaka (leminyaka) eliseleyo lokufundela isidanga se-B Ed Hons.
4. Ukunikwa ibhasari kuxhomekeke kumenzi-sicelo ukuba ngaba
  • ungumfundi obhalisileyo nokuba kukwiziko lemfundo ephakamileyo elivunyiweyo eliseNtshona Koloni okanye e-UNISA okanye eNorth West University;
  • ukunyaka wakhe wokuqala okanye wesibini wezifundo;
  • ungutitshala oqeshwe isigxina kwiSebe i-WCED;
  • ungumntu ongafumani bhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari; kwaye
  • ungummi waseMzantsi Afrika.
5. Ibhasari le iya kuhlawula kuphela iifizi zokubhalisa nezokufunda (registration and tuition fees).
6. Isicelo ngasinye sebhasari masibe nala maxwebhu alandelayo:
  • Ifom yesicelo sebhasari yokufunda ezalisiweyo (isiHlomelo A)
    • Igama leyunivesithi apho abhalise khona malibhalwe ngokucacileyo kwifom yesicelo.
  • Ifom yemvumelwano ezalisiweyo (isiHlomelo B)
  • Ubungqina bokubhaliselwa unyaka wezifundo ka-2009 (iikopi ezingqiniweyo)
  • Ubungqina obubhaliweyo beendleko zokufunda, o.k.t. iifizi zokubhalisa neefizi zokufunda, ukulungiselela unyaka wezifundo ka-2009 (Le ngcaciso iya kufumaneka kwiziko lemfundo ephakamileyo umenzi-sicelo abhalise kulo.)
  • Iikopi ezingqiniweyo zesazisi (ID), zesatifikethi sematriki, zesiqinisekiso semfundo noqeqesho (zeziqinisekiso zemfundo nezoqeqesho)
7. Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo engadlulanga uLwesine we-18 Juni 2009:

Head: Education
(For Attention: Ms F Kearns)
Directorate: Internal Human Capital Development (Teacher Development)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000

Izicelo zinokufakwa kwakhona kwibhokisi ephawulwe "Directorate: Internal Human Capital Development" kwifoya yomnyango wokungena omkhulu kwaNdlunkulu weSebe i-WCED e-Grand Central Towers, eKapa.

8. Iifom zezicelo neefom zemvumelwano ziqhotyoshelwe apha kule ngcaciso imfutshane. Iikopi zezi fom ziyafumaneka ngokunjalo kwicandelo laBenzelwa iiNkonzo leSebe i-WCED kumgangatho wesibini waseGrand Central Towers, eKapa.
9. Uyacelwa uqaphele ukuba
  • akukho zicelo zifike emva kwexesha elibekiweyo, zingabhalwanga zonke iinkcukacha okanye ingabonakaliyo into ebhalwe kuzo ziya kuqwalaselwa;
  • kuphela ziikopi ezingqiniweyo zamaxwebhu ayimfuneko eziya kwamkelwa; yaye
  • akukho zicelo zithunyelwe ngefeksi ziya kwamkelwa.
10. IKomiti yeeBhasari iya kuqwalasela ize izibeke ngokweemfuno eziphambili (prioritise) zonke izicelo, ize emva koko yenze iingcebiso malunga nokubonelela ngeebhasari. Inani leebhasari ezikhutshwayo liya kususela kwinani labenzi-zicelo elamkelweyo nemali efumanekayo.
11. Umenzi-sicelo ngamnye ophumeleleyo kolindeleka angene kwimvumelwano esemthethweni neSebe i-WCED yokuba enze inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari, kunye nokuthobela eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.
12. Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:26

Isihlomelo A: ISICELO SEBHASARI YOKUFUNDA  (ubukhulu: 43 KB)
Isihlomelo B: "Agreement on payment of tuition fees from state funds"  (ubukhulu: 22 KB)