Umhla:  1 ne-2 Oktobha 2009

Indawo:   Cape Teaching and Leadership Institute,
               Nooiensfontein, Kuils River

Amaxesha:   1 Oktobha: 09:00 - 17:00
                    2 Oktobha: 08:30 - 14:00

Ngubani omakaye: Ngootitshala beMathematika bamaBakala R - 9

1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe i-WCED) licela ootitshala beMathematika bamaBakala R - 9 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zeMathematika (Mathematics Solutions Conference) nokuba badlale indima njengabenzi benkcazo-ntetho (presenters) okanye njengabathathi-nxaxheba (participants).

2. Injongo

Injongo yale nkomfa kukunika imizekelo yeendlela ekunokufundiswa ngayo iMathematika ngempumelelo.


3. Ingcaciso elungiselelwe aBenzi beNkcazo-ntetho (Presenters)
3.1 Ootitshala abanomdla ekunikeni isifundo seMathematika okanye ekuthatheni inxaxheba kulo masifundisane "a best practice" ("eyona ndlela ingcono yokufundisa") oza kuqhutywa kule nkomfa kufuneka bakhokelwe zezi zinto zilandelayo:
  • Isifundo okanye iphepha okanye umasifundisane othi "How I teach it" ("Indlela endiyifundisa ngayo") makasekelwe kwiMathematika yamaBakala R - 9 yeNkcazelo yeKharityhulam kaZwelonke (Grades R to 9 Mathematics National Curriculum Statement).
  • Isifundo sifanele ukufundisa umba othile wesilabhasi yeMathematika kwibakala elithile.
  • Abathathi-nxaxheba kufuneka bathathe inxaxheba kwisifundo okanye kumasifundisane.
  • Ubude bexesha: ngama-60 emizuzu. Nika imizuzu emi-5-10 ukulungiselela ingxoxo yamaqela okanye imibuzo.
  • Iindawo zendibano ziya kuba neetafile nezitulo onako ukuzifunqula, i-ovahedi projektha, i-data projektha nebhodi.
  • Zonke iiwekhishithi (worksheets) zenkomfa ziya kuqokelelwa ziprintwe zenziwe incwadana. Oku kuthetha ukuba akukho mfuneko yokuba abenzi nkcazo-ntetho beze nezinye iikopi eziprintiweyo, ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba bacelwa ukuba basike okanye basonge amaphepha eewekhishithi.
  • Zonke izinto zokufunda ezingamaphepha kufuneka zichwethezwe zize ziprintwe kwiprinta yeleyiza (laser), ukuba kunako. ISebe i-WCED liya kuzidyuplikheyitha izinto zokufunda.
3.2 Ukuba unomdla wokwenza ingcaciso-ntetho ngomba othile nge-1 okanye i-2 Oktobha, uyacelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usithumele ngefeksi kuMnu A. Lamprecht okanye G Matthews ngale nombolo yefeksi 021 900 5175/5162/5013 okanye usithumele kuye nge-imeyili apha alamprec@pgwc.gov.za okanye gmatthew@pgwc.gov.za, ungadlulanga owe-15 Meyi 2009 umhla.

4. Ingcaciso elungiselelwe aBathathi-nxaxheba
4.1 Ootitshala abanganqweneli kwenza nkcazo-ntetho ngomsebenzi wabo, kodwa benqwenela ukuya kwinkomfa, bayacelwa bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B.
4.2 IsiHlomelo B esizalisiweyo masibuyiselwe ku A. Lamprecht ngale dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za, okanye kuKnkszn G Matthews ngale dilesi ye-imeyili gmatthew@pgwc.gov.za okanye sifekselwe apha 021 900 5175/5162/5013 ungekadluli owe-31 Julayi 2009.
4.3 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iingxoxo zephaneli yeplinari neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye (parallel sessions) ezenziwa ngabathathi-nxaxheba. Izikolo ezibhalisela inkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa ungadlulanga owe-18 Septemba 2009.

5. Amalungiselelo

Abathathi-nxaxheba okanye abenzi nkcazo-ntetho abasuka kwii-ofisi zezithili ezisemaphandleni abahamba umgama ongaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya bangalala kwihostele yaseCape Teaching and Leadership Institute ngokuhlwa kwangoLwesithathu, we-30 septemba 2009. Indawo yokuhlala iya kuhlawulwa liSebe i-WCED. Iindleko zokuhamba aziyi kuhlawulwa liSebe i-WCED.


6. ISebe i-WCED linethemba lokuba kuya kuvunwa lukhulu kule nkomfa ngabo bonke ootitshala beMathematika abaya kuya kuyo.

ISAYINWE: NGU-ED KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:07

IsiHlomelo A: IFOM YOMENZI NKCAZO-NTETHO  (ubukhulu: 20 KB)
IsiHlomelo B: ULUHLU LWABATHATHI-NXAXHEBA  (ubukhulu: 15 KB)