1. Injongo yohlenga-hlengiso lweSebe i-WCED lwakutshanje beyikukuqinisa inkxaso enikwa amaziko ukwenzela ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi bafumana imfundo eya iqhubela phambili ngomgangatho ophakamileyo.
2. Kwaye kwafumaniseka ukuba inkxaso elolu hlobo inokuqiniswa kakhulu ngokuthi kuphinde kulungiswe ngokutsha indlela elisebenza ngayo eli Candelo. Kwixesha eligqithileyo eli Candelo belisebenza ngokuthi lisingathe umsebenzi othile, apho icandelwana (subdirectorate) ngalinye beligxila kwinkalo ethile yomsebenzi. Ngamnye umqeshwa okwicandelwana ebesenza umsebenzi waloo nkalo ithile anolwazi ngayo, umzekelo ukuqeshwa kwabasebenzi, imihlala-phantsi nekhefu.
3. Eli Candelo liye lahlenga-hlengiswa ukwenzela ukuba icandelwana lisingathe iqela lemisebenzi ethile endaweni yokuba lijongane nomsebenzi othile. Kuye kwasekwa amacandelwana ali-9. Amacandelwana asi -8 aza kujongana nabasebenzi abasezikolweni beso sithili semfundo sithile lize elesithoba lijongane nabasebenzi abasezi-ofisini kwandlunkulu nabakwii-ofisi zezithili zemfundo.
4. Zimi ngolu hlobo lulandelayo iinkcukacha zoqhagamshelwano zamacandelwana alithoba:

ICandelwana UMphathi Ifoni Ifeksi
ICandelwana: Abasebenzi basezi-ofisini Nks JC Williams 021 4672031 021 4672882
ICandelwana: EDO Central Nks BC Tataw 021 4672485 021 4672393
ICandelwana: EDO East Mnu C Hector (obambeleyo) 021 4672492 021 4672393
ICandelwana: EDO North Mnu H Wyngaard 021 4672499 021 4672512
ICandelwana: EDO South Mnu DG Daniso 021 4672467 021 4672393
ICandelwana: EDO Eden & Central Karoo Nks C Daniels 021 4672458 021 4672882
ICandelwana: EDO West Coast Mnu JJ Gordon 021 4672366 021 4672393
ICandelwana: EDO Cape Winelands Mnu EW Titus 021 4679351 021 4672393
ICandelwana: EDO Overberg Mnu WT Wilkinson 021 4672367 021 4672512

5. La malungiselelo matsha aya kwandisa ukuba abasebenzi baphendule ngezenzo zabo ngakumbi nokuba izinto zenzelwe ekuhleni (increase accountability and transparency) kuze oko kukhokelele ekwandiseni nangakumbi ukwenziwa komsebenzi kunye ngamaqela amacandelwana namaziko.
6. Owona msebenzi ophambili weli Candelo lulawulo loku

  • ukugaywa kwabasebenzi (recruitment), ukonyulwa kwabo (selection), ukuqeshwa kwabo (appointment) kunye neminye imibandelo yabasebenzi ngethuba lengqesho
  • imbuyiselo (compensation) neemeko zengqesho (conditions of service) zabaqeshwa
  • iirekhodi zabasebenzi (personnel records).
7. Kuye kwenziwa elinye iCandelo loLawulo lwaBasebenzi lwaNgaphakathi (Directorate: Internal Human Capital Management) eliza kusingatha imibandela yomgaqo-nkqubo.
8. Imibuzo eyenziwa ngefoni kusafuneka ithunyelwe kwiZiko leeFoni apha 0861 92 33 22.
9. Yonke imbalelwano emalunga nolawulo lwabasebenzi mayibhalwe ngolu hlobo
"STAFF - CONFIDENTIAL" ize iposelwe kule dilesi ilandelayo:

The Head: Education
Directorate: Internal Human Capital Administration
Sub-directorate: (Name of relevant sub-directorate)
Private Bag X9114
Cape Town
8000

10. Eli Candelo lisahleli phantsi kolawulo lukaMnu N A Daniels.
11. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:20