1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukuxhobisa iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ukuba libe nako ukulawula amabango amalunga nokwenzakala emsebenzini.

2. Oku kulandelayo zezinye zezona ngxaki zixhaphake kakhulu ekuhlangatyezwana nazo xa kusingethwe amabango amalunga nokwenzakala emsebenzini:
  • Amacandelo ngamacandelo kwiifom ezimiselweyo akazaliswa ngokuchanekileyo nangokupheleleyo.
  • Ukwenzakala emsebenzini akuxelwa lingekapheli ithuba elimiselweyo (iintsuku 7 - 14).
  • Iziganeko zixelwa ngqo kumkhomishinari wembuyiselo (compensation commissioner) kungaqalanga kudlulwe kwiSebe i-WCED (uMqeshi) ukuze lona lingenelele.
3. Iifom ekufuneka zizaliswe kwisiganeko sokwenzakala emsebenzini zezi zilandelayo:
4. Zonke iifom ezimalunga nokwenzakala emsebenzini, o.k.t, WCL.2, WCL.3, WCL.4 no-WCL.5 ziyafumaneka kwiSebe leMicimbi yezeMisebenzi (Department of Labour) okanye kweli ziko lewebhu http://www.labour.gov.za. Kucelwa niqaphele ukuba onke amaxwebhu neerekhodi ezingeniswa kule ofisi mazibe zezentsusa (originals). Izicelo ezithunyelwa ngefeksi okanye eziziikopi azisayi kwamkelwa.

5. Bayacelwa abalawuli neentloko zamaziko emfundo ukuba baqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke abaqeshwa. Mabacelwe bonke abaqeshwa ukuba balusayine olu xwebhu ukubonisa ukuba bakufundile okubhalwe kulo yaye bayakwazi.


ISAYINWE: NGU-S. CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:18

IsiHlomelo A: iFORM W.Cl.2 - INGXELO YOMQASHI NGE NGOZI  (Accident report)  (ubukhulu: 94 KB)
IsiHlomelo B: iFORM W.Cl.3 - UKWAZISA NGENGOZI, NOKUFAKA ISICELO SEMBUYEKEZO  (Claim for compensation)
(ubukhulu: 70 KB)
IsiHlomelo C: iFORM W.Cl.4 - INGXELO YOKUQALA YOBUGQIRHA NGOKUPHATHELENE NENGOZI  (First medical report)
(ubukhulu: 65 KB)
IsiHlomelo D: iFORM W.Cl.5 - INGXELO YOKUGQIBELA / INQUBELA PHAMBILI MALUNGA NENGOZI  (Progress/Final report)
(ubukhulu: 63 KB)