1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liza kwenza isigqibo sokuba likhuphe izintlu zezithuba zengqesho ezintlanu ngo-2010. Imihla yokupapashwa kwezi zithuba zengqesho kwakunye neminye imihla ebalulekileyo ikwisihlomelo esiqhotyoshelweyo.
2. Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ezikolo ukuba baqinisekise ukuba izaziso zizaliswa ekhompyutheni (filled in electronically) kwidrafti yoluhlu lwezithuba zengqesho ekwiziko lewebhu leWCED kule dilesi: http://wced.wcape.gov.za Mazingamkelwa iifom ezibhalwe ngesandla. Iinqununu mazibhungisane nabaphathi beekomiti zeesekethe xa zinengxaki ngenkqubo yokuzalisa izaziso zezithuba kuluhlu lwezithuba zengqesho oluyidrafti kwiziko lewebhu. Kucelwa ufunde iSetyhula 0010/2005 ye-18 Julayi 2005 malunga nalo mba. Iinqununu ezingenako ukufikelela kwiziko lewebhu maziqhagamshelane nabaphathi beekomiti zeesekethe.
3. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo njengoko iya kuqinisekisa ulawulo ngempumelelo lwalo msebenzi ubalulekileyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:12:07

IsiHlomelo  (ubukhulu: 14 KB)