1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukunazisa ngokumalunga namagalelo afunekayo ukulungiselela ukwenziwa kweNgxelo-mali yoNyaka yeSebe iWCED (njengoko injalo nge-30 Septemba 2009) ukwenzela unyaka-mali ka-2009-2010.
2. Ngenxa yeengxaki eziye zifunyanwe qho ngonyaka ngethuba lokwenziwa kweengxelo-mali zonyaka (annual financial statements (AFSs)), uNondyebo wePhondo (Provincial Treasury (PT)), wenze isigqibo sokucela iingxelo-mali zonyaka ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ngokuchaneka kwazo kunye nokubasemgangathweni kwengcaciso, ngakumbi emalunga nezaziso zokuxela ukuchaphazeleka kwimicimbi yemali (disclosure notes) kunye nokulungiselela amasebe ukutshintshela kwi-accrual accounting. Esi sigqibo sixhaswa nguNondyebo kaZwelonke (National Treasury (NT)). Kufuneka iSebe i-WCED lingenise iingxelo-mali zonyaka (AFSs), ezigqityiweyo ungadlulanga owe15 Novemba 2009.
3. Ukwenzela ukuba iCandelo lezeMali nee-Akhawunti libe nokuhlangabezana nezi mfuno zintsha, kubaluleke gqitha ukuba abantu abachazwe kuluhlu oluqhotyoshelweyo bangenise amagalelo abo kweli candelo ngokukhawuleza, ngokuwafaka kwi-Basic Accounting System emva kokuvalwa kwenyanga yee-akhawunti uSeptemba, yaye kungabi semva kowe-15 Oktobha 2009.
4. Kucelwa niqaphele ukuba iingxelo-mali zonyaka (AFSs) aziyi kuphicothwa yi-Ofisi yoMphicothi-zincwadi Jikelele (Auditor-General), koko ziza kujongisiswa nguNondyebo wePhondo (Provincial Treasury (PT)), esenzisana neli Candelo PGWC's Internal Audit Component. Ngako oko ke onke amagalelo makangeniswe, ngokuthunyelwa ngekhompyutha, yaye apho kunokwenzeka, ahanjiswe kunye namaxwebhu awaxhasayo (supporting documentation). Eyona nto kujoliswe kuyo ngamandla kukuvavanya ukuchaneka kwedatha nokuthintela ukufunyanwa kweengxelo ezingathandekiyo ngabaphicothi-zincwadi.
5. Ukunenzela lula, abantu abakuluhlu oluqhotyoshelweyo baza kuthunyelelwa nge-imeyili iikopi zeethempleyithi ezikhompyutheni zokusetyenziswa xa kulungiswa iingxelo-mali ezichaphazelekayo kwakunye nesikhokelo esifanelekileyo sokuninceda xa kulungiswa ezi ngxelo-mali.
6. Kucelwa ukuba bonke abasebenzi beCandelo lezeMali bathathele ingqalelo okuqulathwe yiSetyhula kaNondyebo 57/2009 (Treasury Circular 57/2009), yomhla we-21 Septemba 2009.
7. Nayiphi na imibuzo ngalo mba ingabhekiswa kuMnu MJ Comer kule nombolo yefoni 021 467 2736, okanye kuMnu S van Wyk kule nombolo yefoni 021 467 2738.
8. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-EI MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:10:06

"List of persons responsible for providing input"  (ubukhulu: 23 KB)