1. Igqityiwe kwizithili zemfundo imiboniso yasesidlangalaleni (roadshows) ebisazisa ngeSistim i-Control Paysheets System. ISithili seMfundo iMetro South sivakalise ukuba siya kuthwala uxanduva olupheleleyo lokuqeqesha zonke izikolo zaso ekusetyenzisweni kwe-Control Paysheets System neya kufakwa kwi-Human Capital Leave Management System (HCLMS). Sivakalisa umbulelo kwizikolo ngokuthumela abameli kule miboniso yasesidlangalaleni, nakubasebenzi abakwizithili zemfundo ngokuququzelela le miboniso. Sikwabulela neenqununu, ootitshala namabhunga olawulo (ii-SGBs) zezi zikolo zilandelayo ngokusinika indawo yokuqhubela uqeqesho:

Aurial College (Oudtshoorn), Nico Brummer Primary School (Beaufort West), Knysna High School (Knysna), Gerrit Du Plessis High School (Riversdale), Ridge View Primary School (Mossel Bay), Faure Youth Centre (Eerste River), Livingstone High School (Cape Town), Proteus High School (Atlantis), Dirkie Uys Primary School (Moorreesburg), Paarl Gymnasium High School (Paarl), Nuwe Hoop Centre (Worcester), PW Botha College (George)

Sikwavakalisa izwi lombulelo kuzo zonke izikolo ezithathe inxaxheba kwiprojekthi elingwayo (pilot project) ngo-2009. Liyabulelwa kakhulu igalelo lezi zikolo.

2. Siya KUBA NAKO UKUSEBENZISA ISISTIM kuwo onke amaziko emfundo nge-20 Julayi 2009. Oku kuthetha ukuba izikolo ziya kukwazi ukusebenzisa iCPS ekwi-HCLMS ukwenzela ukufaka iipeyishithi kwisistim phantsi kwe-ayithem yemenyu yeCPS. (Khetha i-CPS option: Paysheet Returned Check)
3. Inqununu yesikolo ebizwa ngokuba ngu-"peyimasta" ("paymaster"), nguyena mntu uthwele uxanduva lokutshekisha okokugqibela ipeyiroli (payroll). Kuza kuthunyelwa kwipeyimasta nganye ileta ecacisela ipeyimasta ngomsebenzi oluxanduva lwayo,.
4. Ukungqinisiswa kokuchaneka (certification) okuqhelekileyo kwengxelo yepeyiroli enengcaciso yemivuzo, ngokweNgcaciso eMfutshane yeCandelo leeNkonzo ze-Akhawuntingi 0011/2007, makuqhubeke kwaye mayibuyiselwe ingcaciso kunye nengxelo yepeyiroli engenangcaciso yemivuzo (without salary information), kule dilesi ilandelayo:
Director: Financial Accounting Services
For attention: Mrs A Smit
Paysheet Control Section (7th Floor)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town

8000
Ifeksi: 021 461 3656
Idilesi ye-imeyili: avsmit@pgwc.gov.za
5. Kucelwa wenze iikopi zakho zala maxwebhu akhankanywe apha ngentla ukulungiselela iinjongo zeerekhodi.
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-RM MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:20