1. Ngenxa yokuvalwa konyaka-mali 2008/2009, kuya kwenziwa uhlenga-hlengiso kwisistim yePersal ngethuba eliqalela kwi-19 Matshi 2009 kuye kutsho kwi-31 Matshi 2009 kwaye ke ngoko akusayi kubakho zintlawulo zokongezelela (supplementary pay runs) ngoMvulo we-23 Matshi 2009, nangoMvulo we-30 Matshi 2009.

2. Intlawulo yokongezelela yokugqibela iya kwenziwa ngoLwesithathu we-18 Matshi 2009, kwaye makwenziwe amalungiselelo entlawulo kwangethuba yazo zonke iintlawulo ekufuneka zenziwe.

3. Intlawulo yokongezelela elandelayo iya kwenziwa kuphela ngoMvulo, we-6 Apreli 2009.

4. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abo bachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-RM MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:13