1. Ukwenzela ukuba sincedise izikolo eziyinxalenye yesicwangciso sikazwelonke sezikolo zeNational Strategy for Learner Attainment (NSLA), i-QIDS-UP iqalise ungenelelo ngoncedo oluveliswe yiYunivesithi yaseStellenbosch.
2. Ungenelelo ngoncedo, olwaziwa ngokuba yi-Interactive Telematic Teaching, liqonga elahluke mpela nelingafani konke nelinye elisekelwe kwindibaniselwano yethekhinoloji ngesathelayithi, iWorld Wide Web, iiselula (SMS protocol) kunye nethekhinoloji yesmart card. Ibandakanya istudiyo esisekhampasini nezikolo ezili-10 ezikhethiweyo eziseNtshona Koloni (Jonga kwisiHlomelo A).
3. Injongo ephambili yolu ngenelelo ngoncedo kukudala imeko yokufunda eyiyo ngokuxhasa ukufunda nokufundisa kubafundi beBakala 12. Olu ncedo luya kusasazwa kwimimandla eyahlukeneyo ngaxeshanye kusetyenziswa istudiyo seYunivesithi yaseStellenbosch.
4. Ezi zifundo zilandelayo ziya kusasazwa ngqo ngexesha lokufundiswa kwazo (live broadcast): IMathematika, iFizikhali Sayensi, iiSayensi zoBomi, iAkhawuntingi noLwimi lwesiNgesi oLongezelelweyo (Jonga iithayimthebhile kwiziHlomelo B no-C).
5. Abafundi kwisikolo ngasinye kwezikhethiweyo baya kuba nako ukuqhagamshelana nomqhubi-nkqubo osestudiyo bekwenza oko ngekhompyutha okanye ngeselula. Abathathi-nxaxheba kwiziko ngalinye lala maziko angamanye baya kubanako ukubona imibuzo kwiskrini.
6. Abaqhubi-nkqubo ngootitshala abaphambili ngolwazi lwabo (lead teachers) beSebe iWCED, abacebisi ngezekharityhulam nabacwangcisi bekharityhulam abakhethiweyo ngenxa yobungcali babo kwiinkalo zezifundo zabo.
7. Kuya kulindeleka ukuba ootitshala bezifundo kwisikolo ngasinye balawule baze babeke esweni inkqubo ngexesha kanye apho izifundo ziya kube ziboniswa. Ootitshala baya kuhlawulwa ngeyure nganye ukwenza lo msebenzi.
8. ISebe iWCED liya kuzihlawula izikolo ngokuthutha kwazo abafundi abaze kwezi seshoni nokubanika ukutya.
9. Njengoko izifundo ziqhutywa emva kweeyure zesikolo apha evekini nangeeCawa, kunyanzelekile ukuba iinqununu zikuxoxe oku nabazali kunye nee-SGB. Ifom esayinwayo yokukhulula isikolo kubo nabuphi na ubutyala (indemnity form) mayisayinwe ngumzali ngamnye okanye ngumgcini womfundi ngamnye.
10. Akuyi kuba ngabafundi kuphela abaxhamlayo kule nkqubo. Ukuba inkqubo ilawulwa kakuhle, isikolo siphela kunye nabahlali baya kuxhamla.
11. Intlanganiso yokuqhelanisa iinqununu ezili-10, utitshala ngamnye kwabo bafundisa ezi zifundo, abacwangcisi bekharityhulam nabacebisi ngezekharityhulam seyilungiselelwe owe-21 Julayi 2009, ukuqala ngo-14:00 - 17:00. Kuya kuhlanganelwa apha Room 4029, Faculty of Education, University of Stellenbosch (corner of Ryneveld and Crozier Streets). Abo bafuna ukwenza ibango leendleko zothutho mabeze kumasifundisane bephethe le ngcaciso ilandelayo:
  • Inombolo yobhaliso lwesithuthi nomthamo wenjini
  • Umgama weekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwiYunivesithi yaseStellenbosch
  • Inombolo yepesali yomqhubi
  • Abathathi-nxaxheba abavela e-Eden nakwiCentral Karoo mabazenzele amalungiselelo abo endawo yokulala baze bangenise ubungqina bentlawulo kumasifundisane
12. Ziyacelwa iinqununu ukuba zisebenzise isiHlomelo D ukunika iSebe iWCED iinkcukacha zabo bonke abafundi beBakala 12 abaya kuya kwezi zifundo zongezelelweyo. Le fom izalisiweyo mayithunyelwe nge-imeyili kulo zhartley@pgwc.gov.za okanye ithunyelwe ngefeksi apha 021 467 2697.
13. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo ngeli phulo, kucelwa uqhagamshelane naba:

Zaahida Hartley apha 021 467 9357 okanye ngale imeyili zhartley@pgwc.gov.za
Walter Mercuur apha 021 467 2630 okanye ngale imeyili wmercuur@pgwc.gov.za

14. Sele silangazelela mpela ukuqalisa le projekthi inika umdla kunye nawe.
15. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo, abafundi beBakala 12 nabazali okanye abagcini babafundi.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:13

isiHlomelo A  (ubukhulu: 10 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 13 KB)
isiHlomelo C  (ubukhulu: 26 KB)
isiHlomelo D  (ubukhulu: 40 KB)