1. IProjekthi yeLayibrari yeZikolo zeQIDS-UP (QIDS-UP School Library Project) yabakho ukususela ngoMeyi 2007.
2. Eyona misebenzi ephambili yale projekthi yile
  • kukunika zonke izikolo ezikumanqanaba entlupheko 1 no- 2 izibonelelo zaselayibrari, kubandakanywa iincwadi, ii-DVDs neephowusta, ukwenzela ukuba iiklasi zokufundela zibe nentlaninge yezibonelelo zokufunda nokufundisa kuze, nangakumbi kuphuculwe amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kwezi zikolo;
  • kukubonelela ngefanitshala yaselayibrari, ikhompyutha, izixhobo ze-audio-visual nezinye izixhobo njengoko kufuneka OKANYE "ngenqwelo yeencwadi" ("book wagon") yokuncedisa ekubeni kusekwe indawo efanelekileyo yelayibrari yesikolo; kunye
  • nokuqeqesha utitshala omnye kwisikolo ngasinye ukuba alawule izibonelelo zelayibrari ezifunyenwe sisikolo.
3. Ukususela ngo-2008, zonke izikolo eziziiprayimari neziziisekondari ezikumanqanaba entlupheko 1 no-2 zifumene ezona zininzi iincwadi ezimbini zelayibrari ngomfundi ngamnye.
4. Ukongeza, utitshala omnye kwisikolo ngasinye esikumanqanaba entlupheko 1 no-2 uye kuqeqesho lolawulo nosetyenziso lwezi zibonelelo zelayibrari ngo-2007 nango-2008.
5. Inkqubo yokukhetha nokuthenga iincwadi nezinto ezifanelekileyo, ukuzilungisa nokuzisa ezikolweni ngumsebenzi ofuna abasebenzi abaninzi noneendleko ezinkulu. Injongo kukuba izibonelelo zelayibrari ezifunyanwa zizikolo zibe sezikulungele ukufakwa ezishelfini zaselayibrari, emva kokubhaliswa kwirejista yaselayibrari, nokuba zize emva koko zibe nako ukusetyenziswa okanye ukubolekwa ngabafundi.
6. ISebe leMfundo linenkxalabo enkulu ebangelwa kukuba iqela lezikolo alikazisebenzisi izibonelelo zelayibrari elizinikiweyo ngeyona ndlela enenzuzo enkulu kubafundi bazo. Ezinye zezi zikolo azikaziqhaqhi neebhokisi ezazaziswe ngazo izibonelelo zelayibrari ukwenzela ukuba zibe nokufumaneka zize zisetyenziswe ngabafundi.
7. Ulawulo ngempumelelo lwezi zibonelelo luxanduva lwekomiti yolawulo yesikolo (school management team), yaye izikolo mazizisebenzise ezi zibonelelo ngokukhawuleza emva kokuba zizifumene.
8. Ukulawulwa nokusetyenziswa ngempumelelo kwezi zibonelelo zelayibrari makungaxhomekeki kubukhulu bendawo eyabelwe ilayibrari.
9. Izikolo ezineengxaki malunga nokungqinelana nezi mfuno zilapha ngasentla maziqhagamshelane nomcebisi ngezelayibrari yesikolo (school library adviser) wazo okanye negosa elijongene neelabrari zezikolo kwisithili semfundo sazo zize zicele uncedo. Nazi iinkcukacha zoqhagamshelwano:

I-Metro North ED: Jenny Caroto (021) 938-3197
I-Metro South ED: Ntombi Mngxuma (021) 370-2097/2084
I-Metro East ED: Khosi Mabandla (021) 900-7013
I-Metro Central ED: Mackie Kleinschmidt (021) 659-4300
Overberg ED: Roy Auret 072 431 8845
Eden & Central Karoo ED: Sam Webber (044) 803-8328
Cape Winelands ED: Ingrid Murray (023) 348-0648
West Coast ED: Faith Lawrence (021) 680-1229

10. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:21