1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), libambisene neYunivesithi yaseStellenbosch (US), liqhuba olu khuphiswano lulandelayo kubo bonke abafundi abakumaBakala 7, 9 no-12 abahamba isikolo kwezo eziphantsi kwe-WCED. Eyona nto kujoliswe kuyo ngalo msebenzi ubhalwayo ziimfundiso ezisisiseko sokuziphatha kakuhle (moral values) kwaye abafundi bangabhala ngolwimi lwabo lwenkobe.
2. Ngalunye uxwebhu lokungenela ukhuphiswano malubhalwe igama elipheleleyo lomfundi, idilesi yesikolo, ibakala lomfundi kunye nesihloko.
3. Izihloko namacandelo
3.1 IBakala 7: Uyinqununu yesikolo sakho. Bhala isincoko malunga nento onokuyenza ukubethelela iimfundiso ezintle kubafundi besikolo sakho. (amagama ali-1 000)
3.2 IBakala 9: Bangenza ntoni ootitshala nabazali, kwakunye nabafundi, ukuze babe yimizekelo emihle enokukotshwa luluntu lwanamhlanje? (amagama ali-1 000)
3.3 IBakala 12: Khetha ezona mfundiso zibaluleke gqitha zibe ntlanu ocinga ukuba ulutsha lufanele ukuzibandakanya ebomini balo. Bhala isincoko ubonise indlela ootitshala, abazali norhulumente abanokulunceda ngayo malunga noku. (amagama ali-1 000)
4. Amabhaso
Ibhaso lokuqala kwicandelo ngalinye:   R10 000
Ibhaso lesibini kwicandelo ngalinye:   R 7 000 
Ibhaso lesithathu kwicandelo ngalinye: R 3 000

Izikolo zamacandelo amathathu abawinileyo ziya kufumana i-R20 000 isikolo ngasinye.

5. Incwadana

Izincoko ezilishumi ezizezona zibhetele kwicandelo ngalinye ziya kufakwa kwincwadana. Umfundi ngamnye osincoko sakhe sipapashiweyo kwincwadana - kubandakanywa nesikolo ngasinye kweziphantsi kwe-WCED - uya kufumana ikopi yamahala.

6. Sinethemba lokuba eli linge liya kusinika iindlela zokubona izinto nzulu kakhulu ngesi sihloko sibaluleke kangaka. Mhlawumbi ezinye zezi ngcinga zinokusetyenziswa nasezikolweni!
7. Ingcaciso ngokubanzi
Umhla wokuvala: 1 Meyi 2009
Ukubhengezwa kwabaphumeleleyo: 15 Juni 2009 
Ukupapashwa kwencwadana: 14 Agasti 2009

Idilesi yeposi: Writing competition Idilesi ye-imeyili: projek@sun.ac.za Attention: Z. Botha Ifeksi: 021 886 5518 PO Box 3322 MATIELAND 7602 Imibuzo: Z Botha apha 021 808 2914


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:06